Inkampani yongcakazo kweli iNational Lottery Ithuba ithi kukho umntu ophumelele imali ekumashumi amane anesithathu ezigidi zeerandi (R43 million) kuMgqibelo ogqithileyo kwiLotto Jackpot.
Ingxelo yale nkampani ithi ukusukela ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesihlanu kule nyanga akakaveli umntu ophumelele esi sizumbulu semali. Kusenjalo kwiLotto Plus 1 kukho umntu ophumelele imali ekwizigidi ezihlanu iR5 million engekabangwa nayo.
Le ngxelo iqinisekisa ukuba kude kwakusasa ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesibhozo kungekho bantu benze ibango lale mali ingaka.
UMphathi wakwa Ithuba uCharmaine Mabuza uthi basaqhuba uphando labo bekhangela ezi zityebi zingazaziyo ukuba zizityebi.
“Le mpumelelo ingenza umahluko ocacileyo ezimpilweni zaba bathe baphumelela lemali, sisalindile ke ukuba bade beze ngaphambili,” kutsho uMabuza.
Uninzi labadlali balo ngcaka benza oku beqinisekile, logama bekwakho nabo badlala nje besenzela ulonwabo lesiqhelo.
“Sikhuthaza bonke abo bebethe badlala kule mpelaveki igqithileyo ukuba baqwalasele amatikiti abo ukuze bakwazi ukwenza amabango abo ngempumelelo,” ubongoze watsho uMabuza.
Uthi konke oku kubonakalisa ukuzalisekiswa kwamaphupha ngabakwaNational Lottery. “Kuyasivuyisa kakhulu ukubona abantu bephumelela, kusivuyisa kakhulu kona ukubona iimpilo zabantu ziguquka ngenxa yokuphumelela kwabo,” uhambisa atsho uMabuza.
Abaphumelelayo banikwa iingcebiso neendlela ezi zizo zokusebenzisa imali yabo ukuze bakwazi ukuqhubeka benempilo ephucukileyo ngenxa yemali yabo.
“Siyazingca ngomzila omhle nokusebenza elubala yonke lento, sikwafundisa abantu ukuba bangade bachithe ngokugqithisileyo,” kucacisa uMabuza.
Ukusukela oko laqalayo oluhlobo longcakazo baninzi abantu beli abaphumelele izigidi zeerandi, kodwa kubo kukwakho abo bathi baphindele endlaleni.