Iindaba

Isidlwengu saseMotherwell sigwetywe ubomi entolongweni

Cwayita Nondula|Published

NgoLwesine umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeNkanga kulo nyaka ka2023, umdlwenguli oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, uLazola Buwa, ugwetywe ubomi entolongweni kwinkundla yaseGqeberha ngokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesine (14) ubudala yaseNU 29 eMotherwell.

Ngomhla wesihlanu kweyoMsintsi ngo2021, umtyholwa, uBuwa, waya kwindlu yexhoba ekhangela umama wayo nalapho wafumanisa ukuba umama wale ntwazana akakho, wadlwengula le ntwazana eneminyaka elishumi elinesine (14), itsho ingxelo yesithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu.

Ngomhla wamashumi amabini anantathu (23) kweyeNkanga ka2023, uBuwa wagwetywa ubomi entolongweni.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata usamkele esi sigwebo ingakumbi njengoko ilizwe liqwalasela iintsuku ezilishumi elinesthandathu (16) zokungaxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana, i16 Days of Activism of No Violence Against Women and Children ngelasemzini.

“Ubundlobongela obuphathelele kwezesondo yingxaki ethe gqolo, yaye abuxhaphazi nje amalungelo abantu kuphela kodwa bukwashiya amanxeba anzulu ngokwasengqondweni nangokweemvakalelo kumaxhoba abo.

“Isigwebo esifana nesi, siyakhuthaza nanjengoko sibonisa ngokucacileyo ukuba amalungu eSAPS aquka amacandelo eFCS asebenza nzima ukulwa ulwaphulo-mthetho olujoliswe kwabasetyhini nabantwana, njengoko oku kuseyenye yezinto esizibeke phambili,” utshilo uMajor General Ncata.