Iindaba

IVIDIYO: Indoda ixelela uMfundisi nebandla lakhe ukuba bayangxola

Cwayita Nondula|Published

Imifanekiso ethathwe kwividiyo.

Imifanekiso ethathwe kwividiyo.

Ividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano yendoda ixelela uMfundisi nebandla lakhe ukuba bangangxoli ishiye abaninzi bengaboni ngasonye.

Kule vidiyo le ndoda ithethela phezulu, ixelela uMfundisi nebandla lakhe ukuba bayangxola kwaye kuswelekiwe kwindlu ethile ebumelwaneni.

“Ndicela ukuyi vidiyorayiza lento uyenzileyo,” utshilo loMfundisi ejika ifowuni yakhe ebeshicilela ngayo le vidiyo ebonisa ipulpiti yakhe ilele phantsi ikhatywe yile ndoda.

Kuvakala uMfundisi ebuza le ndoda ukuba benze ntoni, nalapho le ndoda iphendule ngelithi, “Ndithi kuswelekiwe sanungxola apha.”

UMfundisi ubuza le ndoda, “Sikone ngantoni?” Apho iphendule le ndoda yathi, “Ngongxola.” Ngelixa kusenzeka konke oku, asimboni uMfundisi kuba usemva kwefowuni ushicilela esi sehlo.

UMfundisi waphinda wambuza, “Ngokukhonza bhuti?” Le ndoda yamganga ngombuzo othi, “Nikhonza bani?” Waphendula uMfundisi wathi, “Sikhonza uYesu, uThixo esimkhonzayo. Siphi isono sethu ngokukhonza, bhuti?

Le ngxabano yenzeka ngelixa ibandla lingazi ukuba lenze ntoni ngokwalo kwaye lithe cwaka libukele. Le ndoda ivakala ikhwaza kule vidiyo, iphinda phinda ixelela uMfundisi nebandla lakhe ukuba kuswelekiwe bona bayangxola.

“Ndithi kuwe, kuswelekiwe pha ngumkhuluwa wam. Eswelekile njena, andifuni ngxolo,” itshilo le ndoda iphendula uMfundisi oyityhola ngokubagrogrisa.

Izimvo zabantu

Le vidiyo ishicilelwe ngumsebenzisi kaTikTok u-@sin522 kwaye ibukelwe ngaphezulu kwamakhulu amathathu amawaka (300 000) ngeentsuku nje ezintathu ukusukela oko yashicilelwa kwelakhasi.

Ezi zezinye zezimvo zabantu abathe baphawula kule vidiyo:

@bhekie82: “Inyanisile le ndoda, ngoba awungxoli xa kuswelekiwe ebumelwaneni.”

@fanksta: “Into ehlekisayo kukuba akasoze ayizame lento kumnikazi weshibhini okanye owethaveni.”

@wanderlust.magic: “Umfundisi uyenza ngathi kuhlaselwa ukukhonza. Lo mfo uthe bayangxola kwaye uyachaza ukuba kuswelekiwe. Oku kuyenza kube yinto enkulu.”

@nozicele455: “Bekufanele ukuba baye bayokuxhasa usapho olukhalayo olusentlungwini.”

@atheez.jaxa: “Bekufanele abacele ngentlonipho.”

@biggiemaq: “Abantu abamoyiki uThixo.”

Ucinga ntoni ngalo mbandela? Yabelana nathi ngeembono zakho kumakhasi ethu onxibelelwano.

BUKELA: Nantsi ividiyo epheleleyo yale ngxabano.