Imiqodi yabantu baseMonti bevuyisana neeSpringboks. IMIFANEKISO: Pedro Mapelo, Icamagu News, Springboks.
UKapteni weqela lesizwe lombhoxo, uSiyamthanda Kolisi, wenze umbulelo omkhulu emva komhla wokugqibela wotyelelo eMonti. AmaBhokobhoko angene ezitalatweni zedolophi yaseMonti neelokishi eziquka uMdantsane, iZiphunzane neDuncan Village – apho abhiyozele khona impumelelo yawo imini yonke ngeCawe egqithileyo.
Utyelelo leqela lesizwe lombhoxo lusongwe eMonti emva kokuqala kumaphondo afana neGauteng, iNtshona Koloni neKwaZulu-Natal.
Konke oku kwenzeke emva kokuba AmaBhokobhoko enze imbali embhoxweni ngokuphumelela iNdebe yeHlabathi ityeli lesine – into engazange yenzeka embhoxweni wehlabathi.
UMzantsi Afrika wenze imbali emva kokubetha iNew Zealand ngo’12-11 emdlalweni wokugqibela eStade de France, eParis, ekupheleni kwenyanga yeDwarha.
Ibikokwesibini iSpringbok sithatha indebe amatyeli elandelelana. Abantu baseMonti bawamkele ngezandla ezifudumeleyo AmaBhokobhoko ekhokelwe nguKolisi batsho bafumana ithuba lokubonela kufutshane abadlali nendebe ababuye nayo eFrance.
USiya Kolisi uvale utyelelo ngokwenza umbulelo ongazenzisiyo ebantwini baseMzantsi Afrika abalixhase iqela lesizwe kunzima eFrance nasemva kokubuya kwalo nendebe.
“Siliqela, besidlalela ukunika abantu baseMzantsi Afrika ithemba. Ngokuphumelela kwethu, sifuna ukuthi nabo impumelelo bangayifumana nokuba baphuma kwiimeko ezinjalo bekweyiphi inkolo. Abantu abasamkela ukusukela ngomhla wokufika kwethu kwade kwangumhla wokugqibela wotyelelo,” utshilo uKolisi kwingxelo ekhutshwe kwikhasi lomnatha.
Emaphethelweni otyelelo, uSiya khange akwazi ukuphosa amazwi kwinyambalala yabantu ebalinde imini yonke edolophini yaseMonti. Nangona kunjalo, uKapteni ubalule ukumanyana kwabantu njengeyona nto ebalulekileyo kwiSpringbok.
“Phambi kokuya kwethu kwitumente yehlabathi, sathi siza kudlalela izigidi zabantu baseMzantsi Afrika. Sibulela inkxaso abantu abasinike yona xeshikweni sijikeleza emaphondweni nendebe. Kwakumnandi ukubona abantu besivuyela ngo2019 – kodwa eyalo unyaka ibinochatha. Into ebesiyifuna thina kukuphakamisa elizwe lethu ngombhoxo. Ekujikelezeni kwethu emaphondweni amane, amawakawaka abantu abavuyisene nathi abonise isizwe esibumbeneyo esinethemba lokuba kuya kuhlala kunjalo ukuya phambili.
“Besifuna ukutyelela onke amaphondo – kodwa asikwazi ngoba kufuneka sibuyele ngokukhawuleza emaqeleni esiwadlalelayo. Siyazi besiza kwamkelwa ngendlela efanayo nakula singayanga kuwo. Enkosi kakhulu bantu baseMzantsi Afrika, siyanithanda,” uvale ngaloo mazwi uKolisi emva kotyelelo lwaseMonti.
UMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa, uvakalise uchulumanco yindlela abantu abalixhase ngalo iqela lesizwe lombhoxo watsho esithi unethemba lokuba namanye amaqela esizwe aza kuzeka emzekweni.