IKomishini ejongene namabango omhlaba eMpuma Koloni ilumkisa uluntu malunga ngengxolo eqhubekayo yokuba kukho amabango omhlaba alungiswayo ukuze abantu bafumane imali. Uninzi lweedolophu zaseMpuma Koloni zidibene nesiphithiphithi, abantu behla benyuka bezama ukufumana ulwazi logama beqhubeka nokufaka amabango.
Le komishini ithi inolwazi lokuba kukho oqhimgqoshe abajikeleza eMpuma Koloni bethatha iinkcukacha zabantu ngelithi bazakufumana imali yamabango omhlaba.
Oligosa lonxibelelwano kula komishini uNozuko Sinxoto wazi ngcono ngokona kuqhubekayo malunga nalamabango angekhoyo.
“Kuthwa aba bantu baxelela abantu ukuba mabafake iinkcukacha zabo ukuze bazokufumana imali yamabango omhloba, kukwakho iingxelo zokuba bathembisa ngokukhawulezisa amabango,” kucacisa uSinxoto.
Le ngxelo ithi amabango womhlaba akhokelwe nguRhulumente awanantlawulo, kwaye enziwa ngamagosa athembekileyo.
Indoda ejikeleza kuMasipala waseMalahleni eCacadu izibiza ngokuba nguMbaba okanye uMbhabha, ihamba ichola chola ezinkcukacha. Okothusa abathile kuluntu kukuba le ndoda inikwa isibonelelo semali yokutya nemali yokuhamba.
“Akukho mali ihlawulwayo xa kusenziwa lamabango emihlaba, nokuba kukwigosa nokuba ngubani akuhlawulwa kwa nto,” kutsho uSinxoto.
Le komishini izikhupha kwesi sihelegu ngengcaciso ecacileyo malunga nokuqhubekayo kumabango omhlaba. “Ngoku sithethayo sixakeke ngamabango ayenziwe ngoDisemba ka1998, amabango ayefakwe ngo2014 ukuya ku2016 akakenziwa, abantu mabalumnkele abanqevu,” kutsho uSinxoto.
Le ngxelo ihambisa ithi lekomishini ayithathi mabango matsha okwa ngoku ngenxa yokuba isajongene namabango amadala angekagqitywa.
“Sizakuthumela amagosa azakujikeleza eluntwini ecacisela uluntu ngokuqhubekayo malunga namabango abo omhlaba, injongo kukunqanda ukulahlekiswa kwabantu,” kutsho uSinxoto.
Abo bakhuthalele ukushumayela levangeli yemali ezayo yamabango omhlaba bathi bakhona abantu abasele beyifumene kwiindawo ezithile zeMpuma Koloni. Iintsapho zizinxadanxada zikhangelana ukuze kufakwe amabango omhlaba.
Iingxelo ezingaqinisekiswanga zithi uMbaba ojikeleza kwiilali zaseCacadu uzakuba ekomkhulu kwaMpangele kuZingxondo eMtsheko ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesithandathu.