UMongameli weIFP uVelenkosini Hlabisa.
Emva kwengxoxo ebishushu ngaphakathi kumbutho weINkatha Freedom Party (IFP) side sathathwa isigqibo sokuthumela usihlalo walo mbutho kuzwelonke uVelenkosini Hlabisa epalamente eKapa.
UHlabisa kulindeleke ukuba athathe isikhundla soMongameli walo mbutho okhothame kwinyanga ephelileyo uNkosi Mangosuthu Buthelezi.
Izimvo zihlukene kwangoko kwiqoqo eliphezulu le’IFP malunga nokuba ngubani ekumele ukuba athunyelwe epalamente eKapa ayokubamba isikhundla sikaButhelezi.
Kaloku uButhelezi wangena ngo1994 kwesasikhundla kwaye akazange asuke ukusukela ngoko ekhokele umbutho wakhe i’IFP. UHlabisa uthatha oluhambo eshiya isikhundla sakhe kwipalamente yephondo laseKZN.
Ingxelo yeIFP ithi kulindeleke ukuba uMfundisi Musa Zondi angene esikhundleni sikaHlabisa kwipalamente yephondo laseKZN.
UZondi ukhe wasebenza nje ngonobhala jikelele wombutho weIFP, wakhe warhaliswa ngenqatha lokuba angathatha endaweni kaButhelezi.
Kolutshintsho kulindeleke ukuba uBlessed Gwala anikwe isikhundla sikaHlabisa sokuba akhokele lombutho kwiphondo laseKZN.
UBlessed Gwala weIFP uthi kuqhelekile okokuba kubekho abo bavakalisa ukunganeliseki zinguqu ezikhoyo embuthweni. “Ezi nguqu kulindeleke ukuba ziqhubeke kwangoko, iKhomishini yezonyulo kuzwelonke kulindeleke ukuba yenze umsebenzi wayo kumanqanaba onke malunga nolutshintsho,” kutsho uGwala.
UGwala ukwangusihlalo kazwelonke wombutho weIFP ebekwasebenza nje ngosomlomo weIFP kwipalamente yephondo. “Iqoqo elilawulayo kwi’IFP lithathe esi sigqibo ngokuhambelana nemithetho nomgaqosiseko walo mbutho weIFP,” kutsho uGwala.
Uthi banethemba lokuba ezinguqu zizakuqhubela phambili umsebenzi owenziwe nguButhelezi ngexesha lokuphila kwakhe. Iingcali zopolitiko kweli zithi umbutho weIFP ngomnye wemibutho ekhulayo nekulindeleke ukuba yenze umahluko kulo nyulo lonyaka ozayo.
“Sikwindlela yokwenza i’IFP eqinileyo ezakukwazi ukumelana nonyulo lonyaka ozayo yenze umahluko ngoku njalo kuzwelonke nakumaphondo,” kutsho uGwala.
Uhambisa athi i’IFP imthembile kwaye iyamxhasa uHlabisa nje ngenkokheli yabo ukuba uzakuwusa phambili umbutho weIFP.
“Simnqwenelela impumelelo kumsebenzi wakhe epalamente kazwelonke uHlabisa, simthembile uzakuwenza ngaphandle kwengxaki,” kutsho uGwala.
Ngaphambili bekukho abo bebefuna ukuba uThami Ntuli angene kwipalamente yephondo endaweni kaHlabisa. Bambi bebenqwenela ukuba uHlabisa ahlale ephondweni kuthunyelwe mntu wumbi kwipalamente kazwelonke.
Ukusukela kunyulo luka1994 umbutho weIFP wazibonakalisa ngokuthatha izikhundla ezithile kwipalamente yephondo nakuzwelonke, nakoomasipala ngoku njalo.