Iindaba

Enkosi kakhulu titshala

Siyabulela Mqikela|Published

Umhla wesihlanu kwinyanga yeDwarha ngumhla wokuhlonipha, ukukhumbula nokunika imbeko kootitshala behlabathi ngokubanzi. Ubutho wezizwe ezimanyeneyo wamisela lomhla ngonyaka ka1994 ngeenjongo zokuqwalasela indima edlalwa ngootitshala entlalweni.

Emhlabeni jikelele akakho umntu okwaziyo ukubhala igama, ukufunda nezinye ongancedwanga ngutitshala. UTlagane Machidi ophuma kwinkampani yakwa Investec uthi ilizwe loMzantsi Afrika lijongene nengxaki yokunqongophala kootitshala.

“Enye yeempazamo ezenziwa nguRhulumente wentando yesininzi kukuvala amaziko ayeqeqesha ootitshala kumaphondo onke, ngoku sinengxaki yokunqongophala kootitshala,” kutsho uMachidi.

Uthi eli lizwe loMzantsi Afrika lidinga ootitshala abangamashumi amahlanu anesihlanu amawaka ukuze likwazi ukojongana nengxaki.

“Ngabantwana abalishumi elinesithathu lezigidi abasesikolweni kumanqanaba ahlukeneyo, ootitshala banqongophele kuzwelonke, ngoko kumele ukuba kwenziwe icebo,” kucacisa uMachidi.

Bambalwa abakukhumbulayo ukunika imbeko kootitshala babo ababenza ukuba babe zizifundiswa abazizo namhlanje.

“URhulumente wentando yesininzi wamisela inkqubo eyenza ukuba nabani onomdla wokutitsha aye eYunivesithi ukuya kwenza iDiploma yonyaka, ingakumbi kwabo bangafundelanga ukufundisa abantwana,” kutsho uMuchidi.

Ingxaki yamalungelo azelwe yintando yesininzi kweli yenye yeengxaki ezibenza krakra ubomi kootitshala eMzantsi Afrika.

Ehlohla ulwazi emntwaneni utitshala esikolweni.

Ngenxa yokuthembela ngamalungelo, abantwana ezikolweni babenza izinto zokudlala ootitshala. Ootitshala bayabethwa, bayathukwa, bambi bahlatywe okanye badutyulwe ngabantwana abangavumi ukwenza umsebenzi wesikolo.

Ilizwe loMzantsi Afrika liphakathi kwamazwe wehlabathi ahamba phambili ngobundlobongela ezikolweni. UPhumla William owayesebenza kunxibelelwano kuRhulumente kazwelonke ngo2018 wakhuthaza intsebenziswano ukulwa iingxaki ezikolweni.

“Ubundlobongela ezikolweni yingxaki kawonkewonke, ngoko ke makubanjiswane ukulwa ingxaki yasesikolweni, abazali, abahlali, abantwana naye wonke ochaphazelekayo,” watsho uWilliams.

Ngenxa yesifo seKhorona ngo2022 ngotitshala abakumawaka amathathu abathi babhubha kweli loMzantsi Afrika. Uninzi lootitshala lushiya phambi kwexesha emsebenzini ngenxa yoxinzelelo olugqithisileyo kwimeko abasebenza phantsi kwazo.

Bambi bashiya umsebenzi ngelizama ukukhusela iimpilo zabo, kodwa babhubha bengayifumanga imali yabo yomhlala phantsi.

Ngenxa yoxinzelelo kukho ootitshala abahlala kwizibhedlela zengqondo kuMzantsi Afrika nakwihlabathi ngokubanzi. Ihlabathi lonke linezifundiswa, ooGqirha, iiNjineli nezinye ngenxa yokuzinikela kootitshala benyamezele iimeko ezibuhlungu.