Amaxabiso edizili azakwenyuka kule veki ngoLwesithathu umhla wesine kweyeDwarha. Umbutho weemoto eMzantsi Afrika, iAutomobile Association (AA) uthi amaxabiso epetroli neparafini nawo azakwenyuka esenyuka inyanga yesithathu ilandelelana.
Ngokweenkcukacha, idizili kulindeleke ukuba inyuke ngemali ephaya kwiR1.60 ilitha nganye, logama ipetroli kulindeleke ukuba inyuke phakathi kwe-75c ne-80c ilitha nganye ngokuxhomekeke kwibakala lepetroli. Iparafini kulindeleke ukuba inyuke ngeR1.50 ilitha nganye.
“Njengoko kwakunjalo kunyuso lwangaphambili, oku kunyuka kwamva nje kubangelwe ikakhulu kukunyuka kwamaxabiso e-oyile kumazwe ngamazwe. Ngelixa utshintshiselwano lwerandi nedola yaseMelika ebuthathaka nayo idlala indima ekunyukeni kwawo onke amafutha, igalelo layo lincinci xa lithelekiswa namaxabiso emveliso yamazwe ngamazwe,” itshilo iAA.
“Oku kunyuka kuza kubetha ngamandla abathengi, kwaye kuza kanye ngexesha apho uninzi lwabemi boMzantsi Afrika luziva luxinezelekile ngokwezimali. Iyaxhalabisa indlela urhulumente athe cwaka ngayo malunga nezicwangciso zabo ukuba banazo, zokujongana nokunyuka kwamaxabiso amafutha,” utshilo uMbutho.
I-AA icebisa abaqhubi beemoto ukuba bagcine izithuthi zabo zikwimo elungileyo, kwaye amatayara abo avuthelwe ngokweemfuno zomenzi ukuqinisekisa ukusetyenziswa kwamafutha ngeyona ndlela ilungileyo. Ukunciphisa ukuzulazula, ukusebenzisa izifudumezi zomoya (air conditioners) ngononophelo, kunye nokungalayishi kakhulu isithuthi ngamanye amanyathelo anokuthatyathwa ngabaqhubi ukucutha ukusetyenziswa kwamafutha.
“Njengokuba kusondela ukuphela konyaka abantu abaninzi bazakube besenza izicwangciso zeeholide zabo zonyaka. Inxalenye yolo cwangciso kufuneka iquke uhlahlo lwabiwo-mali olufanelekileyo lweendleko zamafutha ezithuthi kwangoku kwaye iquke nenye imali eyongezelelweyo ukulungiselela ukonyuka okunokwenzeka ngenyanga yeNkanga neyoMnga,” ivale yatsho iAA.