Le mifanekiso imfiliba kuba ibonisa into emasikizi. Eli linxeba elishiywe yinja emlenzeni kamama. IMIFANEKISO: ITHUNYELWE
Umama (56) obengumsebenzi wasefama ushiyeke engenamsebenzi kwaye enzakele ngokumasikizi emva kokulunywa emlenzeni yinja yomfama eSomerset East, eMpuma Koloni. Esi sehlo senzeke ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinantlanu (15) kweyoMsintsi ka2023.
Umbutho olwela amalungelo abasebenzi basefama abamnyama, iFarm Workers Dialogue Movement (FWDM) yakhawuleza yangena kweli tyala likamama. Usihlalo weFWDM uVuyisile Sikani uthi umfama ekunye nenkosikazi yakhe bebetyelele kwenye idolophu ngethuba lo mama watsalelwa umnxeba ngumfama esithi maka nkcenkceshele ingca engasemva kwendlu. Oku kwanyanzela ukuba angene apho kwakukho izinja.
“Lo mama uthi nguye oseleyo nomntu abantwana bakhe abajonge kuye ukuba abeke ukutya etafileni. Wayecinga ukuba akangeni ankcenkceshele ingca njengoko wayexelelwe, wayenokuphelelwa ngumsebenzi. Wajonga iminyaka yakhe waqonda ukuba noko iminyaka imkile kwaye akho ndawo inokumqesha njengokuba emdala.
“Lo mama ungene egadini apho bekukho le nja iyingozi, ngokutsho kwalo mama bekukho ezinye izinja ezimbini, kodwa zazi ngenabungozi,” utshilo uSikani ebalisa ibali lalo mama.
USikani uthi lo mama walunywa emlenzeni yile nja iyingozi, yatshela ngamazinyo emlenzeni wakhe kodwa wakwazi ukuyisusa ngokuyibetha ngomhlakulo. Waye wabalekiselwa kwisibhedlele saseSomerset nalapho wathunyelwa kwisibhedlele iLivingstone eGqeberha.
Esibhedlele kwafunyaniswa ukuba wonzakele kakhulu. USikani uthi waxelelwa ngabantwana balo mama ukuba ooGqirha bathi kunyazeleke kusikwe isikhumba sithungelwe kwelinxeba lisemlenzeni kuba linzulu.
Emva kwesisehlo iFWDM yaqhagamshelana nomfama. Kumyalezo (voicenote) othunyelwe I’solezwe lesiXhosa, lo mfama uvakala esithi: “Andikho sendlini yam, ndiseNtshona Koloni okwangoku. Andazi nto malunga nenja yam elume umntu. Kodwa ndicinga ukuba isango livaliwe nezinja zisegadini, abantu kufuneka babe kude nendlu yam ngelixa ndingekho.”
Emva koko, umfama nenkosikazi yakhe bamtyelela kwisibhedlele saseSomerset phambi kokuba athunyelwe kwesinye isibhedlele.
Abaqeshi bakhe kuye kwafuneka batyikitye amaphepha akhulula lo mama emsebenzini kuba lo monzakalo umenza angakwazi ukusebenza.
Kuthiwa le nja ayiqali ukumluma lo mama, okokuqala yamluma kumlenze wasekunene – ngoku imlume emlenzeni wasekhohlo.
“Lo mama ayiloxhoba lokuqala lale nja; iye yenzakalisa nabanye abantu abasebenza kule fama. Andazi noba yintlonti yalo mlungu ukubafaka abantu kule ndawo inale nja eyazi ukuba injani. Kum ibonakala ngelohlobo ngoba lomlungu le nja uyithandela ukuba emane efaka abantu ngoba abantu bayonzakala yile nja,” utshilo uSikani.
Kukho igqwetha elithe laphakamisa isandla lathi lizakummela lo mama ukuba ufuna ukusa lo mba enkundleni. Eli gqwetha lithembise ukummela simahla ukuba abaliphumelelanga ityala kodwa ukuba baliphumelele ityala kwaye bafumene isixamali, liya kutsala intlawulo yalo.
“Sifuna umlungu ahlawule lo mama kwaye abonise ukuba uthi uxolo ngenja yakhe engakhathaliyo. Sifuna le nja ithathwe liziko loncedo lwezilwanyana kuba umfama akakwazi kuyilawula inja yakhe. Akakwazi ukukhusela abasebenzi bakhe kule nja iyingozi nto leyo ethetha ukuba inja ayikwazi ukuhlala naye, kufuneka iye kumzi ogcina izilwanyanya ingakumbi ezigcina izinja eziyingozi ngolu hlobo,” utshilo uSikani.
Lo mbutho waziswe lusapho ukuba umfama uthembise ukuhlawulela ukwenzakala kukamama kwaye ahoye iimfuno zakhe. Njengosapho baye bagqiba ekubeni bajonge loo malungiselelo bathenjiswe ngumfama. Ukuba abanelisekanga, bazakukrweca lo mbutho ukuze bayokulwa enkundleni.