UMihlali Khalani olahlekileyo. UMFANEKISO: SAPS
Amatyala okulahleka kwabantu axhaphakile eMzantsi Afrika kwaye akukho nto ibonisa ukuba la manani aza kuzinza kungekudala.
Amapolisa aseAlgoa Park akhangela umfana oneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala, uMihlali Khalani, emva kokuba emke kokwabo akaphinda wabuya.
UKhalani wagqityelwa ukubonwa ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kuTshazimpuzi walonyaka u2023 malunga nentsimbi yesibhozo ekuseni xa wayetsiba umgubasi ekhayeni lakhe eKhan’s Grounds, eMissionvale, eGqeberha. Xa bebona engade abuye, abazali bakhe bavula ityala lomntu olahlekileyo ngomhla wesithathu kuCanzibe kulonyaka ka2023.
Kwakhona kwakuloo mmandla, omnye umfana olingana noKhalani ngeminyaka ulahlekile. Amapolisa akhangela uTshiliso Ramatlapeng oneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala, emva emke esithi uya ejimini yebhola akaphinda wabonwa kokwabo.
Lo mfana wagqityelwa ngomhla wokuqala kweyeThupha ngo2023 malunga necala emva kwentsimbi yesihlanu emva kwemini xa wayephuma kwikhaya lakhe elise 20 Sueltz Street, eSidwell, eGqeberha esiya ebholeni.
Uthe akungabuyeli kokwabo, abazali bakhe bavula ityala lomntu olahlekileyo ngomhla wesithathu kweyeThupha ka2023. Wagqityelwa ukubonwa enxibe ibhatyi emnyama, ijini engwevu kunye neeteki ezimhlophe.
Nabani na onokunceda amapolisa ngolwazi olunokunceda ekufumaneni uKhalani kunye noRamatlapeng, angatsalela umcuphi wesikhululo iSAPS Algoa Park, uWarrant Officer Zamikaya Khowa ku-063 081 1426 okanye ngenye indlela ngokutsalela iCrime Stop ku-08600 10111.