UKumkani uMisuzulu Zulu. UMFANEKISO: GCIS
Iingcali zembali yesizwe saKwaZulu ziyavumelana ukuba nguKumkani uMisuzulu kaZwelithini kuphela onegunya lokutyumba iNkulumbuso yesizwe saKwaZulu. Oku kusemva kokuba kukhothame iNkulumbuso yesasizwe uNkosi Mangosuthu Buthelezi owenze lo msebenzi iminyaka engaphezu kwamashumi amathandathu. Ukukhothama kukaButhelezi kubangele isikhalo esikhulu ngaphakathi kwesizwe sikaZulu nombutho wakhe Inkatha Freedom Party awayisungula ngo1975.
Ecacisa ngokutyunjwa kweNkulumbuso kaZulu uNjingalwazi Sihawu Ngubane oyingcali yembali ngoku kodwa imbali yesizwe saKwaZulu uthi. “Ngu Kumkani uMisuzulu kuphela onegunya lokuba azityumbele iNkulumbuso anqwenela ukusebenza nayo,” kutsho uNgubane.
Oku kubangele ukungavani phakathi kukaButhelezi neKumkani emiyo emva kokuba uButhelezi ekholelwa ukuba leKumkani ifuna ukumsusa esikhundleni sakhe.
UNjingalwazi Jabulani Maphalala naye uyangqina kwelokuba ngenene nguMisuzulu onokutyumba umntu amfunayo ukuba abeyiNkulumbuso wesizwe sakhe.
INkulumbuso ngulowo osebenza neKumkani esenza umsebenzi wokucebisa ekwakhusela ubuKumkani bakwaZulu. UButhelezi uwenze ngaphandle kwengxaki lo msebenzi nanjengoko ekwazile ukukhusela umhlaba waKwaZulu ngokusungula iNgonyama Trust engumnikazi womhlaba waKwaZulu.
Uyisemncinci kaMisuzulu kaZwelithini uMbonisi Zulu kwintsuku ezandulela ukungcwatywa kuka Nkosi uMangosuthu Buthelezi uthe kumele ukuba bahlale phantsi belikhaya ukuze bathathe isigqibo ngeNkulumbuso.
“Kumele ukuba sihlale phantsi silikhaya, ukuze sithathe isigqibo malunga nomntu ofanelekileyo ukuba asebenze nje ngeNkulumbuso yesizwe sakaZulu,” kutsho uMbonisi Zulu.
Omnye wemisebenzi eyenziwe nguButhelezi kukuba iKumkani yesizwe saKwaZulu inegunya lokuvula indlu yowiso mithetho rhoqo ekuqaleni konyaka.