UNkosi uJongumsobomvu Maqoma.
UNkosi Jongumsobomvu Maqoma yenye yeeNkosi ezaziwayo ngendima yazo kwidabi lokukhusela umhlaba welizwe loMzantsi Afrika ingakumbi iMpuma Koloni.
Urhulumente weMpuma Koloni enika imbeko kweli gorha lakulola Ganda wenze isifundo sesikhumbuzo egameni likaMaqoma. UNjingalwazi uSomadoda Fikeni uthunywe ukuba ibenguye ozakwenza esi sifundo sesikhumbuzo koMkhulu eNgqesha.
Esi sifundo sigxile ngoku kodwa kumzila onegazi ohanjwe nguMaqoma ekhusela umhlaba woyise mkhulu kubacinezeli baseluhlangeni.
“Kukho esinokukufunda kwindlela namacebo ebesetyenziswa nguNkosi Maqoma jenge joni neqhawe,” kutsho uNjingalwazi Somadoda Fikeni.
Uthi ukuba sasifunde indlela yokwenza izinto kwiinkokheli ezifana noMaqoma ngesingekho kwingxaki esikuzo.
Ngenxa yedabi ayelilwa uMaqoma waya kuphelela esiqithi iRobben Island esiya kwamnkelwa ngamanye amagorha ayesilwa afana David Stuurman.
Elinye lamatyala wakhe yaba kukubulala uJohn Fordyce kwimfazwe kaMlanjeni ebhentsisa umsindo wokuthathelwa kwabo umhlaba. Esi sifundo silungiselela umbhiyozo wenkcubeko nezinto ezililifa eMpuma Koloni ozakuba ubanjelwe eKomani ngeCawa.
Esenza intetho yakhe yobume bephondo ekuqaleni kwalo nyaka uOscar Mabuyane oyiNkulumbuso yeliphondo uthe ukuba bazakwenza isikhumbuzo esimalunga neemfazwe zeminyaka yo1900.
UMaqoma wabhubha ngomhla wethoba kwinyanga yoMsintsi ngo1873 ebhubhela esiqithini iRobben Island. Wayeneminyaka ingamashumi asixhenxe anesihlanu ngethuba lokubhubha kwakhe uNkosi Maqoma.
Ngenxa yokukhalipha kwakhe uMaqoma wayekwakhusela izizwe ezincinci ezifana namaKhoi namaSan awaye exhatshazwa ngamandla kweli leMpuma Koloni ngelo xesha.
Ngoncedo lorhulumente waseCiskie phantsi kolawulo lukaLennox Sebe amathambo kaMaqoma abuyiselwa eMpuma Koloni. Amathambo akhe angcwatywa kwiNtaba kaNdoda kufutshane naseXesi.
Kukho iingxoxo zokuba idolophu yaseBhofolo ithiywe ngegama likaMaqoma ukunika imbeko kumsebenzi awenzileyo ngexesha lokuphila kwakhe.
UNjingalwazi uSomadoda Fikeni uphuma kwisizwe samaXesibe ekwayingcali yembali ingakumbi kwimicimbi yobukhosi bezizwe ezimnyama.