Imthe nka ngeminyaka elishumi inkundla yamatyala obuqhopholo yaseMthatha umama ofunyenwe enetyala lokweba imali engaphaya kwesiqingatha sesigidi serandi ePosini yaseMqanduli. UMam’ uNonthuthuko Mfengwana, 62, ufunyenwe enetyala yinkundla emva kokuba wazithathela isityhwentywe semali kwinkampani kaRhulumente. Ingxelo ekhutshwe ngooKhetsha (Hawks) kwiphondo leMpuma Koloni ithi uMfengwana wabanjwa ngonyaka ka2021 emva kokuvela ukuba nguye owazenzela kwimali esondele kumakhulu amathandathu amawaka erandi (R593,000) kwiPosi yaseMqandulu awayenguManejala kuyo.
Inkampani kaRhulumente yaxela kwabomthetho emva kokuba abaphicothi beencwadi babhaqa ukungahambi kakuhle kwezinto ePosini eyayiphethwe nguMfengwana. “Ngonyaka ka2021, uMfengwana (62) wabekwa ityala erhanelwa ngokuzithathela imali yaseePosini eyiR593,000. Kuthiwa waphazamisa inkqubo yasePosini akugqiba wafaka imali kweyakhe iBhanki. Imali wayifaka kweyakhe iBhanki izizixa amatyeli asibhozo,” itshilo ingxelo ethiwe theca enkundleni nguMcuphi wetyala, uNdiphiwe Mhlakuvana. Kwabizwa ooKhetsha emva kokuba kwacaca ukuba ikhona into engahambi kakuhle ezimalini zePosi.
“Emva kokwenziwa kophicotho leencwadi, kwaye kwacaca ukuba kukho ubuqhophololo obenzekileyo kwaziswa amaPolisa. Uphando olwenziweyo ngabomthetho laveza ukuba nguye uMafelengwana owathatha imali futhi waye wavuma ukuba uyithathile imali yasePosini wayisebenzisa ezintweni zakhe esisiqu,” itshilo ingxelo kaMhlakuvana, uMcuphi wetyala. Waye wabanjwa uMfengwana owayenguMphathi wePosi ngomhla weshumi elinanye kuTshazimpuzi 2021. AmaPolisa amsa enkundleni kwa ngomhla awabanjwa ngawo uMphathi wePosi yaseMqanduli.
Emva kokuma kwakhe emkhumbini ixeshana elingephi, waye wanikwa ibheyile yamawaka amabini erandi (R2,000) wakhululwa ukuze agoduke. Inkundla yaseMthatha yamatyala obuqhophololo imfumene enalo ityala lobuqhophololo yaze yamgweba ishumi leminyaka. Kuloo minyaka elishumi, emihlanu uza kuyichitha ejele eqamele ngenqindi. Emihlanu iye yaxhonywa – kodwa ukuba uphinde wenza isenzo esifanayo nasenzileyo, uza kubuyela entolongweni. Intloko yooKhetshe kwiphondo leMpuma Koloni, uNjengele Obed Ngwenya, iwuqhwabele izandla umsebenzi omhle owenziwe liqela labeCuphi ebelikhokelwe nguMhlakuvana.