Iindaba

Usengxakini umthengisi wezindlu obethengisa izindlu zingathengiswa ngabanikazi

Cwayita Nondula|Published

Iqela leeHawks eliphanda ngolwaphulo-mthetho lwezorhwebo, iSerious Commercial Crimes Investigation, elizinze eMonti liqinisekise ukuba uMahlubandile Mqoma (49) uvele phambi kwenkundla yaseMonti ngomhla wesibhozo kweyoMsintsi ngo2023 ngezityholo zobusela nobuqhophololo.

Isithethi seeHawks ephondweni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi phakathi konyaka ka2016 ukuya ku2018, uMqoma kutyholwa ukuba wayezenza umthengisi wezindlu othengisela abantu izindlu ze wathengisela amaxhoba akhe ezo zindlu.

Ezi zityholo zidiza ukuba uMqoma uthengise izindlu ebezingagunyaziswanga ngabaninimzi.

“Ngoko ke amaxhoba kutyholwa ukuba aphulukene neemali zawo ngokufaka imali kwiakhawunti yebhanki kaMqoma ngeenjongo zokuthenga ezi zindlu. Amaxhoba kaMqoma amahlanu afumene ilahleko engaphaya kweR800 000,” utshilo uMhlakuvana.

Ingxelo ithi lo mba uye waxelwa kwiiHawks ukuze bawuphande. UMqoma emva koko wabanjwa liqela lophando ngomhla wama-24 kweyeSilimela ka2022. Wavela enkundleni kwangalo mini, waza wakhululwa ngebheyile yeR10 000.

Ityala liye lahlehliselwa umhla wama-23 kweyeThupha kulonyaka ka2023 waza uMqoma akayovela kwinkundla yaseMonti nto leyo kwanyanzeleka ukuba kukhutshwe isigunyaziso sokubanjwa kwakhe. Ityala liphinde lahlehliselwa umhla wesixhenxe kweyoMsintsi ka2023, ngokwengxelo kaMhlakuvana.

UMqoma uphinde akavela phambi kwenkundla. Into ebangele ukuba uMqoma aphulukane nebheyile nanjengoko wasilela ukuthobela imiqathango yebheyile.

Ekugqibeleni umkhondo kaMqoma wafunyanwa liqela lophando leeHawks waze waphinda wabanjwa ngomhla wesibhozo kweyoMsintsi ka2023. UMqoma uvele kwinkundla yaseMonti kwangolo suku lunye.

Ityala lihlehliselwe umhla we-18 kweyoMsintsi ka2023 kwaye uMqoma ugcinwe eluvalelweni lwamapolisa.

INtloko yeeHawks ephondweni uMajor General Mboiki Ngwenya uliqhwabele izandla iqela eliphandayo ngokuzimisela nangenzondelelo ekubambeni kwakhona umtyholwa.