Iindaba

UKumkani Buyelekhaya Dalindyebo uthathe enye iKumkanikazi yabaThembu!

Pedro Mapelo|Published

UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo neKumkanikazi entsha uNolubabalo Khazeka Mcinga bexhagwe ngaMaphakathi akoMkhulu, eBumbane, eMthatha. Umfanekiso: Uthunyelwe

UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo neKumkanikazi entsha uNolubabalo Khazeka Mcinga bexhagwe ngaMaphakathi akoMkhulu, eBumbane, eMthatha. Umfanekiso: Uthunyelwe

IKumkani yesizwe sabaThembu, uBuyelekhaya Dalindyebo, ithathe omnye umfazi kwakhona kutshanje oza kuba yiKumkanikazi yesizwe sabaThembu. Ngokwengxelo ekhutshwe nguMnu. Mthunzi Ngonyama osisithethi saKomkhulu, eBumbane, uKumkani Dalindyebo uthathe uNksz. uNolubabalo Khazeka Mcinga, 42, njengeKumkanikazi entsha yesizwe sabaThembu. Ngomhla wokuqala kule nyanga yoMsintsi, kuye kwasikelelwa ukumanywa kwabo emcimbini obuseCaweni yaseGonibie Baptist Church, eMonti. Umtshato wesiNtu nokwaziswa kweKumkanikazi esizweni sabaThembu kuza kwenziwa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga yeNkanga ekuthambekeni kwalo nyaka. “Oku kukwazisa isizwe ukuba iKumkazi igqibe kwelokuba ithathe iNkosazana yaseMangxongweni njengeKumkanikazi entsha,” utshilo ingxelo ekhutshwe nguNgonyama kwiveki ephelileyo.

Njengokuba kusekho iKumkanikazi ekhoyo – kuye kwacaciswa ukuba umtshato wayo noKumkani uZwelibanzi, 59, uza kuqhawulwa kungekudala. Phambi kokuba iKumkani yamkele iKumkanikazi esuka ebukhosini eRhafu njengomfazi wesizwe, kufuneka kuqhawulwe ngokwasemthethweni lo ukhoyo ngoku umtshato. “UKumkanikazi uKhazeka unomsebenzi omkhulu ommeleyo wokubanya isizwe sabaThembu aphinde aququzele iinkqubo eza kunceda uluntu kwizinto ezifana nempathombi, indlala nentswelongqesho. AmaDlomo asamkele isigqibo esithathwe nguKumkani. Ukuze umtshato omtsha ukwazi ukubhaliswa, kufuneka kuchithwe umtshato kaKumkani noKumkanikazi uNokwanda ongakhange asichase isigqibo sikaKumkani,” utshilo uNgonyama.

Ekuqaleni kwalo nyaka, bekukhe kwakho ingxelo ethi iKumkani icinga ukunika iKumkazikazi uNokwanda amagunya okukhokela isizwe sabaThembu. Kodwa kukhangeleka ngathi loo ngcingane iye yaphunza ngoba (ngoku) kusongwa inkqubo yokuqhawula umtshato. UKumkanikazi uKhazeka, ongusomashishini owaziwayo eMpuma Koloni, ngumfazi wesithandathu kuZwelibanzi. Nakubeni iKumkani ingumntu othandwayo kakhulu ngabantu baseMzantsi Afrika – kodwa iyathanda ukuba sezinkathazweni. UZwelibanzi ebekhe wachitha ithutyana entolongweni ngenxa yeziganeko zolwaphulomthetho ezenzeka kudala – kodwa uMongameli uCyril Ramaphosa ekuqaleni kuka2020. Ngethuba lokuhlala kwakhe entolongweni, uZwelibanzi waphants’ ukuphulukana nesihlalo sakhe ngenxa yonyana wakhe owayefuna ukuthathela kuye iintambo zolawulo lwesizwe sabaThembu.