Iinkokeli zamazwe eBRICS. Umfanekiso: Government
URhulumente woMzantsi Afrika oswantsuliswa ngumbale ocima yonke imihla uphungulelwe umthwalo yiChina kule veki. Phambi kokuqala kwengqugquthela yeBRICS engundabamlonyeni, uMongameli waseChina, uMnu. Xi Jinping, uthe ilizwe lakhe liza kubonelela uMzantsi Afrika ngezixhobo zokufunxa umbane elangeni ezixabisa ikhulu elinamashumi amathandathu anesixhenxe amawaka ezigidi zerandi (R169-million) eziza kuncedisa kwidabi lokubuyisela umbane kwisimo sawo. Sekuyiminyaka eliqela abantu baseMzantsi Afrika benyamezele ukumka kombane yonke imihla ngenxa yokoyisakala kuka-Eskom owiswa lurhwaphilizo nokushokoxeka kweenjineli zombane ezisemgangathweni ophezulu phakathi kwezinye izinto ezibalwa njengeziyingxaki. Nakubeni iChina isasebenzi amalahle ngaphezulu kwamanye amazwe ehlabathi – kodwa seyifake iisola ezinobuchwephesha bale mihla zokuvelisa umbane ongaphezulu kophehlwa nguEskom kwilizwe lonke loMzantsi Afrika.
UMongameli uJi Jinping wenze umnikelo kuMzantsi Afrika emva kokuwongwa kwakhe nguMongameli uCyril Ramaphosa ngentsasa yangoLwesithathu kule veki ePitoli. Ethetha phambi kokuvulwa kwendibano yeBRICS, uMphathiswa Wombane, uGqirha uKgosientsho Ramokgopa, uthe bahlabe ikhwelo kuwo onke amazwe adlelana noMzantsi Afrika kwiBRICS kwilinge likaRhulumente lokubuyisa amandla ombane – kodwa yiChina eze ngaphambili ngokukhawuleza. “Sithethe namazwe amaninzi akhoyo apha kule ngqungquthela, hayi akwiBRICS kuphela. Kodwa abantu abaphendule ngokukhawuleza ngabaseChina. Bandothusile nam ngoba uncedo lwabo aluhambi namiqathango. Bathe kum natsi into esingayenza thina,” utshilo uGqirha Ramokgopa owabekwa nguMongameli ukuze aqubisane nombane ocimayo nosele uqhokre uqoqosho ngendlela emangalisayo.
“Andizami ukuthi yiChina yodwa eza noncedo. Siza kuwalinda namanye amazwe. Kodwa ke sizimisele ukunyathelela phezulu sisebenzise oku sesikufumene,” utshilo uRamokgopa. Ngaphezulu kweR167-million, iChina ithembise ukunika uMzantsi Afrika imali esisibonelelo esingamakhulu amahlanu ezigidi zerandi (R500-million) eza kusetyenziswa kwiinkqubo zophuhliso. UMphathiswa ukwathe iNew Development Bank (NDB) ithe ingamboleka uEskom imali eziibhiliyoni zerandi (R57-billion) angayifumana ukusukela ngoku ukuya kwiminyaka emihlanu. “Zikhona nezinye iinkampani zemali zaseYurophu ezithe zingancedisa kwiphulo lethu lokuqhekeza uEskom abe namacandelo amathathu – kodwa yinto leyo esafuna ukuchotshelwa nguRhulumente. UMzantsi Afrika sele utyale iibhiliyoni zerandi kwimveliso yombane wesola kuba kwelinye icala uzama ukulwa ungcoliseko lomoya olwenziwa kakhulu zizitishi zika-Eskom ophehla umbane usebenzisa amahlale owombiwa eMpumalanga.