Iqela lophando lorhwaphilizo eliphantsi kweeHawks oluzinze eMonti lubambe aboncedo lokuqala abathandathu abaphakathi kweminyaka engamashumi amane anesibini (42) ukuya kumashumi amahlanu anesine (54) ngezityholo zobuqhophololo nokufoja ngoMvulo kule veki.
Othethe egameni leeHawks ephondweni uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi, ngomhla weshumi (10) kweyoMnga ka2014, isebe lezempilo eMpuma Koloni lapapasha izithuba ezingamakhulu asixhenxe anamashumi amathathu (730) zamagosa eenkonzo zonyango olungxamisekileyo (EMS) kuzo zosibhozo izithili zePhondo leMpuma Koloni.
UMhlakuvana uthe, kwezinye zeemfuno ezazimiselweyo zezi zithuba yayisisatifiketi sikaGrade 12 okanye isatifikethi esingumyelane. La magosa mathandathu afaka izicelo, afakwa kuluhlu olufutshane, kwenziwa udliwanondlebe, aza aqeshwa. Baqale kwizikhundla zabo ngomhla wesibhozo (8) kuTshazimpuzi ka2015.
UMhlakuvana uqhube wathi ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoKwindla ngo2022, la magosa acelwa ukuba angenise izatifiketi zawo zoqobo kodwa asilela ukungenisa ezo zatifiketi zoqobo.
ISebe laqalisa uqinisekiso lweziqinisekiso zemfundo apho izatifiketi zikaGrade 12 zabo zabhaqwa ukuba zezobuxoki. Lo mba waye wadluliselwa kwiiHawks ukuba benze uphando.
Uphando luveze ukuba iSebe lezeMpilo liphulukene nemali engaphaya kweR7,9 yezigidi zeerandi. La magosa amathandathu avele okokuqala kwinkundla kamantyi eZwelitsha izolo nalapho baye bakhutshwa ngebheyile yeR5000.
Aba batyholwa abathandathu nguPalesa Molekane (46), Nonceba Maggie Mpelwane (54), Lebuhang Busakwe (47), Ntombizodwa Sibidla (43), Sicelo Sonjica (49) kunye noSempe Mohare (42).
Ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinanye (11) kweyoMsintsi.