Inkosikazi yaseMpuma Koloni kunye nesinqandamathe sayo esineminyaka engamashumi amabini ananye (21) ubudala baza kuchitha ubomi babo entolongweni ngenxa yopheka iyelenqe lokubulala umyeni wakhe ukuze axhamle kwimali yakhe yomhlalaphantsi.
Inkundla yaseMaluti ngoLwesine igwebe uVuyelwa Bhalawese (46) kunye noSiyanda Majola (21) ubomi entolongweni ngokubulala umyeni wakhe uGcobani Nyokana (59).
Kutyholwa ukuba esi sibini sabulala umyeni ukuze umfazi afumane imali yomhlalaphantsi yomfi kwaye ayonwabele nesinqandamathe sakhe.
UBhalawese wakrexeza noMajola, esi sibini besihlala eMatatiele logama umyeni wayesebenza eRhawutini, apho wayeza kuthatha umhlalaphantsi xa egqiba iminyaka engamashumi amathandathu (60).
Isithethi seNPA eMpuma Koloni uLuxolo Tyali uthe: “Umyeni ebethumela imali yokuba umfazi wakhe ajonge ikhaya labo kwindawo yaseLukholweni eMpuma Koloni waze wathumele iR12 000 ukuze inkosikazi ithenge iigusha kwiinyanga ezimbalwa phambi kokuba abulawe.”
UTyali uthi xa ebuyela ekhaya, umyeni wafumanisa ukuba iigusha azithengwanga waze wahlaba umfazi wakhe ngemibuzo. Kungelo xesha awathi uBhalawese nesinqandamathe sakhe bathi benza iyelenqe lokumbulala.
UTyali wongeze ngelithi uBhalawese noMajola baviwa ngumtshana kaBhalawese oneminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ubudala besithi ukusweleka komyeni kuya kuthetha ukuba le nkosikazi engenamntwana nomfi izakufumana imali yomhlalaphantsi.
Ngomhla weshumi elinesithathu (13) kweyeSilimela ngo2022, uNyokana wahlaselwa wabulawa ngento ethile eyayisetyenziswa njengesixhobo ekhayeni lakhe nguMajola, encediswa ngumntakwabo. Umtshana kaBhalawase ukwazile ukubachaza abatyholwa, kwaye babanjwa kwiintsuku ezimbalwa emva kokubulawa kukaNyokana.
Umninawa kaMajola wanikwa ukhuseleko (immunity) ngokuncedisa amapolisa ekusombululeni eli tyala lokubulala ngokucetyiweyo.
UTyali uthe ngexesha lokuchotshelwa kwetyala esi sibini saye saliphika ityala ngelithi sasikwenye indawo ngomhla wesehlo kodwa igqwetha lombuso uChumile Mkentane ukwazile ukuwaphikisa la mabango.
“Inkundla yavumelana nesiphakamiso somtshutshisi sokuba akukho zimeko zibambekayo zokutenxa kwisigwebo sobomi esimiselweyo sokubulala ngenjongo, yaphinda yafumanisa ukuba ulwaphulo-mthetho lubangelwa kukubawa,” utshilo uTyali.