UMajor Mandisa Mfeka.
UMandisa Mfeka ngumzekelo nenkuthazo kumanina amatsha nanjengoko eyinkosikazi yokuqala ukuba ngumqhubi wenqwelo moya kumkhosi womoya woMzantsi Afrika.
Ngonyaka ka2019 uMfeka wayeqhuba inqwelo moya yomkhosi eyedwa esibhakabhakeni kumcimbi wokumiselwa koMongameli uRamaphosa. Ngaphandle kokuba engumqhubi wenqwelo ntaka yomkhosi uMfeka ubhale incwadi esihloko sayo sithi ngqinela umsebenzi wakhe, ‘Yes, I’m a pilot’.
Empilweni yakhe uMfeka woyise imiqobo emininzi ebinokubangela ukuba atyhafe edabini lakhe lokuba ngumqhubi wenqwelo ntaka yomkhosi. Le nzalelwane yephondo laseKZN ilwe namarhamncwa afana nobuhlanga, iingxaki zesini nokungalingani emsebenzini.
UMfeka ungene emkhosini ngonyaka ka2008 waze waba yinkosikazi yokuqala emnyama ukuqhuba inqwelo ntaka yomkhosi womoya emnyama.
“Ndiqale ukuba nomdla wokuba ngumqhubi wenqwelo ntaka ndisemncinci kakhulu, bendikhuthazwa kakhulu kukuya kwimiboniso yenqwelo moya eVirginia Airport eThekwini,” kutsho uMfeka. Ukuthatha inxaxheba kumboniso womhla wokubekwa koMongameli weli uCyril Ramaphosa zezinye zeziganeko aqhayisa ngazo.
Le yinyanga yokuqaphela igalelo lamanina kwiinkqubo ezininzi ezakha uMzantsi Afrika.
“Ndandifunda ibanga lesibhozo ndisenza imfunalwazi malunga nemingxilo yomsebenzi endinokuyilandela ngokwezibalo nenzululwazi, ndabona intengiso eyayisuka kumkhosi wezophapho weli,” uqhayisa atsho uMfeka.
UMfeka wangena emkhosini njengomqhubi wenqwelo ntaka enyathela kumhlaba owawugcwele amadoda amhlophe kuphela. “Ndaqaphela ukuba ngenene ukusebenza nje ngomqhubi wenqwelo ntaka yeyona nto ndifuna ukuyenza ebomini bam,” utsho uMfeka.
UMfeka ukhuthaza amanye amanina ukuba angoyiki ukuzama ukulandela amakhondo abawathandayo nabanenjongo ngawo. Uninzi labasetyhini kweli basazabalaza ukungena kwimikhakha emininzi ebikade isaziwa njengeyamadoda kuphela.
Umkhosi weli lelinye lamaSebe kaRhulumente elinika amanina ithuba lokuba azibonakalise ngendlela ezininzi logama elandela amaphupha awo. Le ntokazi eyinzalelwane yaseNtuzuma eKZN ayizange ithandabuze ukungena emkhosini weli emva kokugqiba ibanga leshumi eQueensburgh.
“Uye uzive unemincili novuyo xa ufumanisa ukuba uqhuba owona matshini ubaleka ngamandla esibhakabhakeni, uzibona ngenene ulizalisekisile iphupha lakho,” uqhayisa atsho uMfeka.
Isoloko ingumnqweno wakhe wonke umntu omtsha ingakumbi olinina ukuzibona ezalisekisa iminqweno yakhe. Imibonisa efundisa ngemingxilo enokulandelwa ngabafundi ibalulekile ukuxhobisa abafundi ngolwazi.