Kudala amakhwenkwe ayesoluswa ngamaqela awayebizwa ngokuba libutho, elibutho lamakhwenkwe lalikhokelwa likomkhulu. Kwakuqokelelwa amakhwenkwe welali okanye iilali nokuba zimbini ntathu ukuba benze ibutho. Eli butho maxa wambi belinyanzeleka ukuba likhokelwe ngunyana weNkosi, ibenguye usosuthu.
Maxa wambi lamakhwenkwe ebesenza ibutho ephuma kwisiduko esinye ngenxa yokuba bedibene ngesiko. Ukanti ngelinye ixesha aba bakhwetha bebedityaniswa ngoko buntanga babo, ingakumbi abo bantanganye nonyana weNkosi.
Oluhlobo lokwalusa lunembali entle yokuba abantwana bebesiya esuthwini bephilile babuye bephilile. Bebekhuseleka ngamaxesha onke aba bantwana kuba bebebekelwa ikhankatha elithenjwe ngamakhaya abo, okanye kwenziwe iqela lamakhankatha.
Ukuhlala kwabo ndawoninye beliqela elikhulu bekusenza ukuba bakwazi ukukhuselana, besebenzisana, becebisana ngazo zonke iingxaki abadibana nazo. Oko bekusenza umsebenzi lula, isizwe ngasinye okanye isixeko ngasinye besihlala sineGqirha okanye ixhwele lokukhusela indlu nabakhwetha.
Amadoda angoku ayasilela ukukhusela abantwana ngokubaqinisa ngexhwele okanye iGqirha, amadoda angoku awakhathali ayadelela. Xa aba bantwana benziwe balibutho kulula ukuba iintloko zamakhaya abaphuma kuwo zicebisane, zikhumbuzane ngokuqiniswa kwabantwana.
Ubininzi bentloko ezicingayo kwenza ukuba ubelula umsebenzi, ngalo ndlela kukhuseleke abantwana. Ngaphandle kokubakhusela nje aba bantwana ngokubenza ibutho elinye, kodwa bebehlala befundisana izinto ngesizwe sabo. Maxa wambi ikhankatha labo ibelilo elithatha uxanduva lokuba fundisa ngembali yesizwe sabo, uxanduva lendoda ekhayeni, uxanduva lendoda ekuhlaleni nezinye.
Ukubhubha kwabantwana abalishumi elinesixhenxe ngexesha eli ncinci kangaka kuthetha ukuba nabani ozibiza ngokuba uyindoda akwamnkele ukuba amadoda oyisiwe lisiko lokwaluka.
URhulumente kudala edidimbela imali kumalinge okuba kukhuselwe abakhwetha, kodwa endaweni yokuba kuphele ukubhubha kwabakhwetha kuya kusanda ngamandla. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yemali emayichithwe kweli siko, koko kufuneka amadoda anyanisekileyo azakuthatha uxanduva.
Kweli leMpuma Koloni maninzi amakhaya enza umsebenzi wokwalusela abantwana emakhayeni abo. La makhaya enza lomsebenzi ngempumelelo, abantwana bathunyelwa apho bephila babuye bephila ngokunjalo.
Yini madoda ukuba nithule abantwana bebhubha kabuhlungu kangaka, anazi ukuba aba bantwana balikamva lelizwe lakuthi. Liphi ikamva xa kuzakubhubha abantwana abaneminyaka elishumi elinesibhozo abalishumi elinesixhenxe.
Ngesexha lomzabalazo ukubhubha kwabantu abalishumi bekubizwa ngokuba yinyikityha, namhlanje ukubhubha kwabakhwetha abalishumi elinesixhenxe akuthethi nto. Bangaphezu kweshumi abantwana ababhubhe ngexesha lokwaluka lasehlotyeni kunyaka ophelileyo. Zintandathu inyanga ukusuka apho, sele kubhubhe abanye abantwana abalishumi elinesixhenxe.
Le nyanga yeKhala ingaphela linyukile elinani. Mabaluswe ngamabutho abakhwetha bazokukwazi ukukhuselwa ziintsapho eziliqela, amakhankatha aliqela kubekho ixhwele okanye iGqirha.