Isiko lokwaluswa kwamakhwenkwe lelinye lamasiko akudala asagciniweyo luluntu oluninzi eAfrika. Akhona amanye amasiko atshabalalayo, atshintshwa okanye atshitshiswa ngokupheleleyo ngenxa yezizathu ezithile. Uluntu neenkokheli eziphila ngelo xesha zizo ezikhuthaza ukugcinwa kwesiko, okanye zithethane kwenziwe inguqu okanye lipheliswe konke konke.
Kudala bebhubha abantwana esuthwini kwiphondo leMpuma Koloni, kodwa iiNkosi, uRhulumente noluntu alufuni ukuza nesigqibo esingqingqwa esinokwenza inguqu ecacileyo kweli siko libulala abantwana. Kumele ukuba kuthathwe isigqibo esinokwenza ukuba kwenziwe inguqu eza kuphungula inani lokubhubha kwabantwana eSuthwini.
Esinye sezigqibo esinokuthathwa kukuba amakhaya avunyelwe olusele abantwana eziyadini zawo. Oku kungenza ukuba amadoda wekhaya akwazi ukuhlala ebeke imehlo kumakhwenkwe alukileyo okanye noozungulichele abaxhaphaza abantwana. Ngale ndlela iintsapho zingakwazi ukuqwalasela ingxaki isaqala, ukuze kuliwe nayo ingekenzi monakalo.
Singatsho ngaphandle kwamathandabuzo ukuba amadoda amaXhosa oyisiwe lisiko lokwalusa abantwana babo. Ungazibuza umbuzo wokuba abakhwetha batsha baphele njani ebhumeni? Beliphi ikhankatha ngeli xesha, ebegqibele nini utata wabakhwetha ukuhambela ibhuma, ingaba abakhwethwa bebeqinisiwe ukuthintela imimoya emdaka, ingaba indlu yabakhwetha ibiqinisiwe ukuthintela imimoya emdaka?
Ngenxa yengqobhoko, amakhaya ashiya ngasemva ezona zinto zingundoqo kwisikolo lokwaluka. Bambi bakubona ukuqiniswa kwabakhwetha njengento eyimfeketho, ngenxa yokugqobhoka bambi abavumi kukholelwa ukuba amagqwirha athanda kakhulu ukuthumela izinto zawo kubakhwetha.
Enye inguqu enokwenziwa kwisiko lokwaluka kukuba abakhwethwa benzelwe indawo enye abaza kuhlala kuyo ngokweewadi zabo abahlala kuzo. Lo ndawo ingagadwa lula ngamadoda, kuba kunokumiselwa ikomiti yexesha yamadoda alo ndawo ukuba ajongane nalo makhwenkwe.
Le ndawo kumele ukuba yenziwe ibe nomntu onyangayo oza kuyiqinisa, agade imimoya emdaka ngeèndlela zonke, logama amadoda namakhankatha aza kube eqhubeka ukugada iingxaki zesiko abantwana bendawoninye. Konke oku kungenzeka ngokusebenzisana namagosa eSebe lezeMpilo kwiindawo ezahlukeneyo zephondo.
IiKumkani neeNkosi zangaphambili bezikwazi ukuthatha izigqibo ngentlalo yabantu bazo, ezanamhlanje azikwazi kuba zixhomekeke kwimeko yezopolitiko enefuthe elishushu laseNtshona. UKumkani uFaku kaNgqungqushe wamaMpondo ungumzekelo woku kuba nguye ngexesha lokuphatha kwakhe owayalela ukunqunyanyiswa kwesiko lokwaluka emaMpondweni.
Oku kwakungenxa yokuba elo yayilixesha leemfazwe, ngoko ulutsha lalufunwa ukuba luye kulwa iimfazwe ukukhusela imihlaba yeeKumkani (amabutho). UKumkani uTshaka wamaZulu naye ukwenzile oku kwangesizathu esinye sokugcina abafana ukuba balungele imfazwe bangayi kwisiko lokwaluka.
Kutheni iiKumkani zanamhlanje zingamagwala oyika uRhulumente, kwaye noRhulumente angamamela xa izizo eziza nengcebiso malunga nesiko lokwaluka. Bangaphi aba bantwana kumele ukuba babhubhe apha ukuze iiKumkani neeNkosi zilithathe uxanduva lokukhusela okanye ukutshintsha eli siko.
Akuyiyo inkokheli ukuba ngexesha lokukhokela kwakho akukwazi kukhusela isizwe sakho. Ingenziwa inguqu ecacileyo kwisiko lokwaluka ukuba uluntu lungathetha ngazwinywe ngenjongo zokukhusela abantwana nekamva elibhuqwa ziingozi ezenzeka esuthwini.
Kudala uRhulumente esenza amacebo kuchithwa imali kuzanywa ukukhusela abantwana ababhubhe esuthwini, kodwa ezo mali zichithelwa ilize.