Iindaba

Indoda eyaxoka ngokugilwa yimoto igwetyiwe

Cwayita Nondula|Published

Ngomhla wama-23 kweyeSilimela kulonyaka, uKeith Theodore Mtsimela (44) wafunyanwa enetyala waza wagwetywa yinkundla yengingqi yomthetho omtsha eGqeberha ngezityholo zobuqhophololo.

INgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (RAF) ifumene ibango elingeyonyani elisuka kuMtsimela ngenyanga yoMdumba ka-2018, ngokokutsho kwesithethi seeHawks uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana. Ubange ukuba nge-25 kweyeDwarha ka-2017, kwisitalato iLewes e-Algoa Park wenzakala kwingozi apho watshayiswa yabaleka imoto.

Ngokweengxelo ezongezelelekileyo, iRAF yayikrokrela ngalo mba kwaye yaqalisa uphando lwayo lwangaphakathi, njengoko iqhele ukwenza ngaphambi kokuba inikezele imbuyekezo kwabo babangayo. Kwagqitywa ngexesha lophando ukuba ingozi ayizange yenzeke.

UPhando olunzulu loRhwaphilizo lweeHawks eGqeberha emva koko lwanikwa uxanduva lokujonga eli tyala, kwaye kwafunyaniswa ukuba iRAF ilahlekelwe yimali exabisa ngaphezu kwe-1.3 yezigidi zeerandi (R1.3 million.

Ngenxa yoku, uMtsimela wabanjwa ziiHawks ngomhla wama-28 kweyoMdumba kulonyaka, ze kamva wakhululwa ngebheyile. UMtsimela wafunyanwa enetyala lobuqhophololo emva kokuvela enkundleni izihlandlo eziliqela waze wagwetywa intlawulo yeR3000 kunye neminyaka emihlanu entolongweni, yaxhonywa iminyaka emihlanu ukuba nje akenzi ityala elifana nelo alenzileyo ngelo xesha leminyaka emihlanu.