Abantu bayabongozwa ukuba baqaphele imisebenzi yolonyulo engumgunyathi.
Inani lezithuba zemisebenzi yeIEC ezingeyonyani ezisasazeka kwiminatha yonxibelelwano linyukile njengoko ixesha lokuvota lisondela.
IKomishoni yoNyulo (IEC) ikhuphe isilumkiso kuluntu ngabakhohlisi abasebenzisa iiwebhusayithi ukuze bapapashe imisebenzi kwi-intanethi ukuqhatha abantu abakhangela imisebenzi ukuba babanike iinkcukacha zabo.
IKomishoni ixhalabile malunga neentengiso ezininzi ezisasazwa ngoku kuWhatsApp kunye namanye amaqonga onxibelelwano. Ezinye iintengiso zifuna ukuba abantu abanomdla bangenise iinkcukacha zabo kwaye bathi iKomishoni yoNyulo iqeshela unyulo oluzayo lwesizwe nolwephondo luka-2024.
Nangona iKomishoni yoNyulo ngokuqinisekileyo iqesha abantu kunyulo olulandelayo, ezi webhusayithi ezikhohlisayo ezaziwa ngesiNgesi ngokuthi yi “phishing” azithumeli iintengiso eziyinyani, ngokutsho kweGosa eliyiNtloko loNyulo uSy Mamabolo.
Uthe abakhohlisi baxhaphaza abafaki-zicelo abangalumkanga ngokusebenzisa izibhengezo zemisebenzi ezingeyonyani. Uthe xa bevala iwebhusayithi enye, bava ngeewebhusayithi ezongezelelweyo.
“Ndinqwenela ukugxininisa ukuba iKomishoni yoNyulo ibhengeza kuphela amathuba ayo emisebenzi kumajelo onxibelelwano asemthethweni – uFacebook, iLinkedIn noTwitter, nakwiphothali yokugaya abasebenzi kwiwebhusayithi esemthethweni (www.elections.org.za). Nasiphi na isithuba, umyalezo okanye iwebhusayithi ekucelayo ukuba ugcwalise iinkcukacha zakho njengenxalenye yenkqubo yokufaka isicelo okanye ekukhokelela kuyo nayiphi na enye iwebhusayithi yiwebhusayithi yenkohliso,” utshilo uMamabolo.
Kule meko, ubuqhetseba busetyenziswa ngabakhohlisi ukuqhatha abantu ukuba baveze iinkcukacha ezibalulekileyo zobuqu. Bazenza iKomishoni yoNyulo kwaye basebenzise isithembiso semisebenzi njengendlela yokuba abantu bacofe kunxibelelwano lwabo.
“Sibongoza abo bafuna imisebenzi ukuba bazikhusele ngokufaka izicelo zemisebenzi yethu kwiwebhusayithi yethu kuphela. Nceda wabelane ngalo myalezo nosapho kunye nabahlobo, kwaye ungavumeli abakhohlisi ukuba bakuxhaphaze,” utshilo.
IKomishoni yoNyulo kungoku nje ilandela amanyathelo asemthethweni ngokuchasene nemibutho ejongene nalo msebenzi wobuqhophololo.
Ukuba umntu akaqinisekanga ukuba isibhengezo somsebenzi sisemthethweni na, uyacetyiswa ukuba aqhagamshelane neKomishoni ngokusebenzisa nayiphi na i-akhawunti yayo yezonxibelelwano okanye nge-imeyile (info@elections.org.za).
Ukubhalisa kwiphothali yemisebenzi yeKomishoni yoNyulo kwaye ufake isicelo samathuba akhoyo, nceda undwendwele iwebhusayithi ekhuselekileyo: https://www.elections.org.za/pw/About-Us/BrowseJobs.