Amapolisa abambe abarhanelwa abangama479 njengenxalenye yephulo elijolise kwiindawo ezingqonge ulwaphulomthetho kwiphondo leMpuma Koloni.
Kwizithili ezisibhozo zeMpuma Koloni, amapolisa aphumelele ekulweni nabaphulimthetho. Kwiveki yomhla wama28 kuMeyi ukuya kumhla wesi-3 kuJuni 2023, kubanjwe abarhanelwa abangama479 ngamatyala anobuzaza.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli, amaphulo aqhutywa zizithili ezininzi kweli phondo aza kuqinisekisa ukuba amapolisa ayasebenza ukuze uluntu lukhuseleke. Uthi lilonke inani labarhanelwa liquka abo babanjelwe amatyala afana nokubulala, ukuba neziyobisi, ukuba nemipu engekho mthethweni neembumbulu.
“KwiSithili saseSarah Baartman, abacuphi babambe indoda eneminyaka engama38 ubudala eBedford ngoLwesine, umhla wokuqala kuJuni ngokubulala umphathi wefama. Umrhanelwa ube iiselfowuni kunye nemoto eyafunyanwa ishiywe eSomerset East kwiiyure ezimbalwa emva kwesehlo. Amapolisa aphinde afumana imipu emibini efunyenwe ngaphakathi kwisithuthi ebesishiyiwe,” utshilo uNkohli.
UNkohli uphawule ukuba eminye imisebenzi eqhutywa bubuntlola sele yenziwe, impumelelo enkulu iphuma eOR Tambo naseNelson Mandela Bay, izithili ezibini ezezona ziphambili. Isithili saseNelson Mandela Bay sithimbe imipu esibhozo, logama ingingqi yaseOR Tambo iye yahlutha imipu neembumbulu ezilishumi elinanye zizonke.
“Oombayimbayi ababini (AK-47 kunye neR5) bephakathi kwemipu efunyenwe kwiindawo ezifana neBityi, Madeira, Mthontsasa, Lusikisiki kunye naseMthatha kwiSithili saseOR Tambo. Abarhanelwa ababanjiweyo bavele kwiinkundla zikamantyi ngokwamatyala abo. Yonke imipu eyohluthiweyo iya kuthunyelwa kwi-ballistics ukuze ihlalutywe.
“Kwamanye amaphulo ebebanjwe kwiphondo lonke, iilitha eziyi-136 720 zesiselo esinxilisayo ziye zathathwa kwiindawo ezine ezithengisa utywala ngaphandle kwempephamvume. Amapolisa aphinde athimba intsango ebunzima buziikhilogram ezingama-141 683, iigram eziyi-4.12 zekhokheyini kunye nama-871.50 eegram zetik (crystal meth). Ixabiso eliqikelelwayo leziyobisi ezithathiweyo lilonke lingaphaya kwe-425 yezigidi zeerandi (R425 million),” utshilo uNkohli.
Amapolisa aza kuqhubekeka ukwenza konke okusemandleni awo ngokuchasene nabaphulimthetho, utshilo uMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene.
“Sizibophelele ekujonganeni nolwaphulomthetho kunye nabaphulimthetho kweli phondo. Ngokuthatha inxaxheba kwamapolisa, sizimisele ukunciphisa ulwaphulomthetho olunobundlongondlongo oluthwaxa uluntu,” utshilo uMene.
Uthe njengenxalenye yephulo iOperation Shanela eliqale kweli phondo kule veki, baza kujolisa ikakhulu kwiindawo ezithathwa njengezona ndawo zigquba ulwaphulomthetho. Uthe izaphulimthetho ziza kuba phantsi koxinzelelo njengoko beza kuba sezithendeni zabo.