UAnesipho Gotyana (19) obhubhe kwiveki ephelileyo.
Akukho mzali ufanelwe kukungcwaba umntwana wakhe, yintetho ethandwayo le kodwa inenyani. Uswelekile uAnesipho Gotyana (19) obesilwa ngamandla nethumba lomhlaza elanyanzelela ukuba ashiye isikolo. Kwiveki ephelileyo ngoLwesithathu, umhla wama-24 kuCanzibe, eligqiyazana laswelekela kwisibhedlele saseLivingstone eGqeberha. Utata ka-Anesipho, uVusumzi Lukashe, oxakekileyo ngamalungiselelo omngcwabo wentombi yakhe, uboniswe inkxaso enkulu luluntu.
Ekuqaleni kwenyanga kaTshazimpuzi, I’solezwe lesiXhosa lapapasha ibali lika-Anesipho nalapho utata wakhe wacela iingcali ukuba zincede intombi yakhe.
ULukashe uthi wacela ukuncediswa akubona ukuba akanamali yaneleyo yokujongana neendleko zomngcwabo wabona ukuba nexesha limkile. Ukuza kuthi ga ngoku, ukwazile ukufumana uncedo ngenkonzo yomngcwabo, nezakuququzelelwa ngumboneleli weenkonzo zomngcwabo ozinze eMakhanda. Ukongeza, indawo yokulala yaseAddo inikele ngezinto ezithile.
Uthi amalungiselelo omngcwabo ancediswe kakhulu ngutata uPetros Majola ongumlawuli weKhula Community Development Project. “UTat’Majola naye uncedile; wayekhangela abaxhasi ukuze basincede ngemali. Wabhaqa ilungu lombutho eMonti elavumayo ukuba lihlawule ilitye lengcwaba,” utshilo.
“Okwangoku, kusele kuphela igrosari nentente. Bazakuba baninzi abantu, andazi ke ukuba igrosari izobiza malini. Intente ixabisa malunga namakhulu alithoba eerandi (R900),” wongeze watsho.
Emva konyango lwekhemotherapy (chemotherapy) lweentsuku ezintathu, uAnesipho uvakalise umnqweno wokuyobona ootatomkhulu bakhe eMakhanda, ngokokutsho kukaLukashe. Nangona wayebuthathaka, uthi wayesakwazi ukuhamba.
“Ndahamba naye ukuya eMakhanda; safika apho ngolwesihlanu, kwiveki ephambi kokuba asweleke. Siye sabuya (kwiveki ephelileyo) ngoMvulo, ndabe ndimbona ukuba akaphilanga oko engatyi, ulwimi nalo ludumbile. Ndamxelela ukuba ndiza kumshiya esibhedlele ukuze afumane unyango. Sithe xa sibuya eMakhanda ngoMvulo, ndamshiya esibhedlele,” ucacise watsho uLukashe.
Uthi wayesoloko ebhalela intombi yakhe kwaye bathumelelana imiyalezo emininzi nanjengoko yayisoloko isefowunini yayo. Uthi uzame ukufowunela isibhedlele kodwa akazange aphumelele emva kokuba eqaphele ukuba kuthe cwaka kangangeeyure ngoLwesithathu. Ekugqibeleni, kwangena umnxeba ebewoyika. “Emva kwentsimbi yesixhenxe ebusuku, inkosikazi yam yafumana umnxeba ovela esibhedlele isixelela ukuba uAnesipho uswelekile,” ucacise watsho uLukashe.
Ukuba ungathanda ukuthumela iminikelo yokuncedisa kwiindleko zomngcwabo ka-Anesipho, yithumele kwi-akhawunti katata wakhe yakwaStandard Bank ethi 10008981483 (umnini-akhawunti: Vusumzi Lukashe).
UAnesipho uza kubekwa ngoMgqibelo umhla wesithathu yeSilimela kwifama yaseGlen Boyd eCommittee Drift, eMakhanda.