Umbhali kunye nomhlohli, uAnelisa Thengimfene ephethe incwadi yakhe. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
UAnelisa Thengimfene (27) ufumene olona thando lubalaseleyo lombhali obhinqileyo xa incwadi yakhe ilungiselelwa ukufunda kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu, ingaphantsi konyaka emva kokuba ikhutshiwe. Incwadi yakhe, “Amajingiqhiw' Entlalo,” yingqokelela yemibongo, imiselwe ukuba ifundise kwaye ifundwe ngabenza isidanga seBachelor of Arts (unyaka wokugqibela) kunye neBachelor of Arts kwibakala leeHonours.
Lo mbhali ozalelwe eNgqamakhwe uthweswe isidanga seMfundo (Bachelor of Education) kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu ngaphambi kokuba enze iiHonours zakhe zesidanga iBachelor of Arts kwiYunivesithi yaseNelson Mandela. Ukhankanya ukuba waphefumlelwa ngabafundisintsapho, ababhali, njengoGqirha Yolisa Madolo, athi wamnceda wazibona njengombhali opapashileyo.
Ukongeza, uThengimfene ungumhlohli wesiXhosa kwiZiko laBucala leSANTS elisePitoli. Ngoku uqhubela phambili kwizifundo zakhe zeMaster of Arts kwiilwimi zaseAfrika kwiYunivesithi yoMzantsi Afrika. Uthi esinye sezizathu zokubhala incwadi ngesiXhosa yayikukukhulisa ulwimi kwinqanaba elifanayo nesiNgesi.
Uthe ngenxa yokuba ebhala ngemiba engumcelimngeni wentlalontle, ubona incwadi yakhe inefuthe kubafundi. Ukuxhatshazwa ngokwesondo kwabasetyhini kunye nefuthe elibi amazwe aseNtshona abenayo kubantu abaNtsundu, nto leyo ebangele ukuba bazive (abaNtsundu) bephantsi kunabo, yimixholo nje embalwa ayigxininisayo kwincwadi yakhe. Ngaphezu koko, ngenxa yokuba ibhalwe ngumAfrika, incwadi yakhe ikhuthaza umfundi ukuba ajonge izinto ngokwembono yesiNtu.
Lo mhlohli ofundisa ngesiXhosa ungumxhasi onyanisekileyo wokukhula nenkqubelaphambili yolwimi lwesiXhosa kwimfundo ephakamileyo. “Ndingavuya ukubona iiyunivesithi namaziko emfundo ephakamileyo ebonelela ngeenkqubo zolwimi lwesiXhosa ezibanzi nezifikelelekayo, nezibonelela abantu abathetha ulwimi lweenkobe kunye nabangathethi ulwimi lwenkobe. Oku kunokubandakanya izifundo ze-intanethi, iinkonzo zokufundisa, kunye neenkqubo zokutshintshiselana ngolwimi,” utshilo kweli phephandaba.
Uthi angathanda ukubona iijenali zabafundi, iincwadi, nezinye izixhobo zipapashwa ngesiXhosa. Ukongeza, ufuna ukubona iiyunivesithi zibeka phambili ekuqeshweni nasekuqeqesheni abahlohli bolwimi lwesiXhosa abalwazi kakuhle ulwimi lwesiXhosa nabanamava okufundisa ngaphambili.
“Ukufaka inkcubeko yesiXhosa nelifa lemveli kwimfundo ephakamileyo, abafundi banokufumana ukuthakazelelwa nokuqonda okunzulu kolwimi, imvelaphi yalo, nokubaluleka kwalo kwimbali yoMzantsi Afrika. Oku kungabandakanya imicimbi yenkcubeko, imibhiyozo, namanye amaphulo okukhuthaza nokubhiyozela ulwimi lwesiXhosa nenkcubeko,” utshilo uThengimfene.
Nangona uThengimfene evuma ukuba ukusazi kakuhle isiNgesi kuneengenelo zako, ukwabethelela ukubaluleka kokugcina iilwimi zethu zantlandlolo. "Ibonelela ngesazisi kunye nokunxibelelana neengcambu zomntu.
“Kwangaxeshanye, iilwimi ezimbini zinokuba luncedo, okukuvumela ukuba unxibelelane ngokufanelekileyo noluhlu olubanzi lwabantu kwaye kubalulekile ukukhumbula nokuxabisa ulwimi lwakho lwenkobe,” utshilo lo mhlohli osemtsha.
Incwadi kaThengimfene yakhutshwa kuTshazimpuzi ka2022, kwaye ukuza kuthi ga ngoku, ayikafumani nto ngaphandle kophononongo oluhle. Ukuba ungathanda ukufumana ikopi yale ncwadi, qhagamshelana naye kule nombolo 078 709 8815.