Iindaba

Isikolo saseDimbaza siphuculwe ngobugcisa

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade evavanya ubuchwepheshe ekunye noMphathi kunye noMseki wakwaNudle, uDuren Munsami. UMFANEKISO: ECDOE

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade evavanya ubuchwepheshe ekunye noMphathi kunye noMseki wakwaNudle, uDuren Munsami. UMFANEKISO: ECDOE

Isikolo samabanga aphakamileyo iRichard Varha Technical eDimbaza senza imbali njengesikolo sokuqala eMzantsi Afrika esinegumbi lokufundela elinobuchwepheshe obuphambili obubizwa ngokuba yiExtended Reality (XR). Oku kwenzeke ngenxa yokuba iNudle neKMAX PC zibonelele ngenkxasomali yeklasi enobuchule ukuze kuphuculwe ukufunda nokufundisa.

Igama elithi “XR” libhekisa kudidi olubanzi lweemeko ezingqongileyo ezenziwe ngekhompyutha ezithi zintywilisele ngokupheleleyo abasebenzisi. UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, unikezele ngokusesikweni eli gumbi lokufundela.

UMphathiswa ugxininise ukuba ukuphunyezwa kweli gumbi lobugcisa kuya koyisa umsantsa wolwazi nezakhono.

“Ngo2020 isebe lazisa inkqubo yeICT ephondweni. Injongo yalo nkqubo yayikukulungisa imeko phakathi kwabantwana baseMpuma Koloni nehlabathi jikelele. Siyifezile loo njongo besiyibekile ngo2020,” utshilo uGade.

Abafundi besikolo samabanga aphakamileyo eRichard Varha Technical besebenzisa itekhnoloji yabo entsha yodidi oluphezulu. UMFANEKISO: ECDOE

Inqununu yaseRichard Varha Technical High School, uMnu S.J Adonis, uthe igumbi lokufundela elinobuchule liya kwenza ukufundisa kube lula kootitshala nakubafundi.

“Ukusebenzisa iteknoloji yolu hlobo kuya kuphakamisa ukuqonda kwabafundi. Iya kuzisa into esingenayo ezizixhobo eziyimfuneko. Abafundi baya kuba nako ukujonga oko bakufundayo kwiskrini apho abafundi banokwenza yonke into ngexesha elifutshane."

Egameni labafundi, umfundi kwesi sikolo ubulele abathathinxaxheba ngeli gumbi lokufundela elinobuchule. “Sithembisa ngokuyiphucula indlela esisebenza ngayo, sithembisa ukuba siza kwenza konke okusemandleni ethu ukulisebenzisa kwaye silikhusele ukuze libe lilifa lezizukulwana ezizayo,” utshilo uLinathi Nthwaku.

Ngokutsho koMphathi kunye noMseki weNudle uDuren Munsami, abantu baphendula ngakumbi kumxholo obonakalayo. Ukholelwa ukuba le ndlela yokufunda inika abafundi amava okufunda angenakulibaleka.

“Le ndlela yokufunda inika indlela eyonwabisayo yokuqonda ngokupheleleyo izifundo kwaye ivule indlela yexesha elitsha lemfundo,” utshilo.

“Sikhethe esi sikolo ngenxa yokuzinikela kwaso, inguqulelo nokuzibophelela kwaso ekuboneleleni abafundi ngemfundo ekumgangatho ophezulu. Sikholelwa ngokupheleleyo kumandla enguqu kwezemfundo eMpuma Koloni.

“Siqinisekile ukuba isikolo siyangqinelana nemilinganiselo neenjongo zethu. Emva kokuba sinikezele ngegumbi lokufundela elinobuchule eRichard Varha, umsebenzi wethu awupheli apho. Sizimisele ukuqhubeka nentsebenziswano nesikolo ukuze senze imixholo emangalisayo nesebenzayo ehambelana nekharityhulamu,” utshilo uMunsami.

Eli phulo liqhwatyelwe izandla nguSekela Sodolophu weSigqeba, uCeba uPrincess Faku, nothe waphakamisa imeko yaseMpuma Koloni yokunqongophala kwezakhono zedijithali njengengxaki eqhwalelisa urhulumente ekukwazini ukwamkela nokuthatha inxaxheba kuqoqosho lwedijithali.

Uthe ukuze kuphuhliswe izakhono zedijithali, uMasipala waseBuffalo City uza kusebenzisana necandelo labucala kunye neSETA. “Kufuneka siqinise ubudlelwane bethu namashishini kunye namaqumrhu karhulumente ukuseka amaziko ezakhono zedijithali kwidolophu iphela. La maziko aza kubonelela ngoqeqesho lwezakhono zedijithali kulutsha olungaphangeliyo,” utshilo.

UFaku uthe bafuna ukusebenzisana nesebe lezemfundo kunye namanye amaziko ukuphucula izakhono zedijithali kubantu kunye noluntu, ngokukodwa kubantu abatsha kunye nabasetyhini, ukwenzela ukuxhasa ukuguqulwa kwedijithali kumathuba emisebenzi kunye noqoqosho lwedijithali.

UFaku ukwaxoxe ngobunzima bokucinywa kombane, esithi baza kukhangela ezinye iintlobo zamandla ukuqinisekisa ukuba igumbi lokufundela lisebenza ngaphandle kokuphazamiseka.

Uvakalise ukuba bangenise isindululo kuNondyebo weSizwe malunga neziko leebhetri ukuze kubekho olunye uhlobo lamandla ombane eBuffalo City. Oku kulindeleke ukuba kuncedise umasipala, ngakumbi izikolo, ngexesha lokucinywa kombane.

Ngenxa yezinga eliphezulu lokonakaliswa kwezikolo kwingingqi yaseBuffalo City, uluntu lucetyiswe ukuba lugcine isikolo sikhuselekile. Uceba wewadi umisele oonogada ukuqinisekisa ukuba akukho monakalo.