Isibhedlele iCecilia Makiwane eMdantsane siyaqhubeka nokusebenza emva kokuba kubanjwe ababini abarhanelwa ngokuba iintambo zombane.
Abanjwe liqonga laseMdantsane amadoda arhanelwa kubusela nokonakaliswa kweentambo zombane kwisibhedlele iCecilia Makiwane. La madoda mabini abanjwe ngabahlali ngobusuku bangoLwesine phambi kokuba anikezelwe emapoliseni. NgoLwesibini umhla weshumi elinesixhenxe (17) kwinyanga yoMqungu, la madoda onakalise ze eba iintambo zombane kwesi sibhedlele, aphazamisa neenkonzo ze ashiya isibhedlele saseMdantsane ebumnyameni.
Abarhanelwa bonzakala ngethuba lobusela, kwaye banyangwe kwakweso sibhedlele batyholwa kuso ngobusela. UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth ukwamkele ukubanjwa kwabo. “Le yindlela ababukeka ngayo abemi abakhutheleyo, ngoko ke siyavuya ukuba uluntu lwaseMdantsane luthathe inyathelo lokubamba abo batyholwa ngolwaphulomthetho. Sibaqhwabela izandla ngokuba ngabathandi belizwe. Nangona kunjalo, siyabalumkisa abantu ngokuthathela umthetho ezandleni,” utshilo uMeth.
Udize ukuba ngoku banethemba lokuba amapolisa aza kwakha ityala eliqinileyo ngakubo abarhanelwa kwaye ancedise urhulumente ekuboniseni ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ngenene la madoda abe ngunobangela wokonakalisa nokubiwa kweentambo zombane kwesi sibhedlele.
Uqhube wathi ukonakaliswa nokuba iintambo zombane esibhedlele kufana nokubulala ngenjongo.
Iintambo zombane zesibhedlele zonakaliswa, kwaza kwabiwa nezinye iintambo. Nangona iijenereyitha ezikwisiza zisebenza, ukungabikho kweentambo zombane kuthetha ukuba umbane oveliswa ziijenereyitha awunakusasazeka kwisibhedlele sonke.
Ngokweengxelo zokuqala, abenzi bobubi bagrumba umngxuma ngaphantsi kocingo ukuze bangene kweli ziko.
Isebe lithe lathumela ezinye izigulana kwisibhedlele saseFrere, lathumela abaphathi bekliniki ababini besibhedlele iCecilia Makiwane ukuba baye kusebenza eFrere ukuze bancedise, laze lafudusa izidumbu ezilishumi elinesihlanu zasiwa eMdantsane kuphando lomthetho ukuze zigcinwe ngokukhuselekileyo.
Iijenereyitha kuxelwe ukuba zivuliwe ukugcina iinkonzo ziqhuba. Ikhitshi ngoku lisebenza ngegesi. Kuthiwa lo masipala uthembise ngokubeka phambili ukulungiswa kweentambo zombane.
Ngokwengxelo yesebe, amasela aye eba iintambo zombane zikamasipala eDordrecht, nto leyo ebangele ukuba kuphazamiseke iinkonzo kwisibhedlele saseDordrecht ngobusuku.
Othethe egameni leSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uYonela Dekeda uthe “Isibhedlele saseFort Beaufort naso sibe sisisulu sezihange nanjengoko kubiwe imibhobho yobhedu ephuma kwimibhobho yamanzi kwindawo yangasese kule veki. Isibhedlele seTB iMarjorie Parrish ePort Alfred sithetha nje sixhomekeke kwijenereyitha emva kokubiwa kweentambo zombane kutsha nje. Isebe lixakeke nenkqubo yokuba kuqhutywe umsebenzi wokulungisa.”
Ngokwengxelo kaDekeda, kuqhekezwe ikhulu elinamashumi amabini (120) kumaziko ezempilo eNelson Mandela Bay kwezi nyanga zilishumi elinesibhozo (18). Kukhangeleka ngathi izaphulimthetho zaseNelson Mandela Bay zijolise kumatshini wokupholisa umoya, nto leyo ephazamisana neenkonzo kuba izitofu zokugonya kufuneka zisiwe kwezinye iindawo xa oku kusenzeka.
“Kwiziganeko zamva nje, kubiwe izixhobo zomoya kwikliniki yaseAlgoa Park nakwikliniki ekuMbindi eGqeberha. Abasebenzi bekliniki yaKwaDwesi kunye nekliniki yaseTshangana nabo baye bakhuthuzwa bekhonjwe ngemipu kwezi veki zidlulileyo.
“Kuphinde kwaqhekezwa kwiholo yolonwabo eGqeberha iLilitha Nursing College nalapho kukhululwe iiplagi zombane neeswitshi zombane ezilishumi elinantathu. Iintambo zenkqubo yesandi kunye neengcingo ezisuka kwizindlu zangasese ukuya kwiipaseji nazo zabiwa. Oku kwenzeke ngomhla wesine kweyoMqungu. Amatyala axelwe emapoliseni.
“Kukwakho neziganeko ezibini zokubiwa kweentambo zombane kwisibhedlele saseMpilweni kulo nyaka uphelileyo nezithe zachaphazela ukubonelelwa kombane kwesi sibhedlele neentambo zomnxeba. Ootsotsi baphinde baqhawula ucingo kwisibhedlele iDr Malizo Mpehle kuTsolo zeba izixhobo kunye ne-microwave kweyeThupha.
“Siwaqhwabela izandla amapolisa neenkundla ngokusebenza kwabo ngenkuthalo nanjengoko abenzi bobubi begwetywe iinyanga ezintandathu. Impahla ebibiwe nayo yafunyanwa. Kukwaqhekezwe nakwisibhedlele iSt Lucy’s kuTsolo kweyoMnga. Izikrelemnqa zingene ngokunqumla ucingo,” utshilo uDekeda.
UMphathiswa uMeth ubongoze amapolisa ukuba aqhubeke nokubeka phambili amatyala abandakanya amaziko ononophelo lwezempilo kunye nabasebenzi.