UKhanyi Mbau uthenge ubuso obutsha

UKhanyi Mbau emva kokwenza utyando ebusweni bakhe. Umfanekiso: X

UKhanyi Mbau uphinde wenza utyando, kwesi isihlandlo wenze utyando ebusweni ukuze buqine.

Lo saziwayo uneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) ubudala ebesoloko ethetha phandle ngezinto azenzileyo emzimbeni wakhe.

Udize ukuba ebediniwe kukufumana iBotox kunye neeFillers rhoqo emva kweenyanga ezintathu, kungoko ethathe isigqibo sokwenza olu tyando.

UMbau upapashe ividiyo kwikhasi lakhe likaInstagram yotyando alwenzileyo olubizwa ngokuba yiblepharoplasty.

“Ndithenge ubuso obutsha. Ndiyazi–ndiyazi phambi kokuba nonke nicaphuke. Isentsha kwaye iqinile kakhulu. Kuya kuthatha iiveki ezimbalwa ukuba ibonakale ilungile. Ndidiniwe yiBotox kunye neeFillers rhoqo kwiinyanga ezintathu ngoku ndifumene isisombululo esisisigxina kubuso obuqinileyo,” uMbau ubhale kuInstagram wakhe.

Kwividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano uthi, “Sele kudlule iiyure ezimbalwa ndiphumile kutyando. Ndicinga ukuba sekudlule malunga neeyure ezine. Kungona ndiziva ngathi ubomi bam bubuyela esiqhelweni. Ndiziva njengomntu oqhelekileyo. Njengoko ubona, ndidumbile. Ndiphilile, utyando luhambe kakuhle.”

UMbau ukwabulele uGqirha Merve onguGqirha owenze olu tyando ebusweni bakhe kwikhasi lakhe likaInstagram. Uthi olu tyando luza kunciphisa ulusu kwiinkophe kwaye luza kuphakamisa imilebe ukuqinisekisa ukumila kwemilebe yakhe.