‘Awukwazi ukubiza indoda etshatileyo umfana’

Imvumi yegospile uDumi Mkokstad nomrepha uBig Zulu.

Oku kuthethwe ngabantu emva kokuba umrepha uBig Zulu ebize imvumi yegospile uDumi Mkokstad ‘umfana’ ngethuba bengaboni ngasonye ngethuba bedlala itumente yebhola ekhatywayo yoosaziwayo iJammin 2 Soccer.

Le tumente yebhola ekhatywayo yoosaziwayo ibiphakathi kweemvumi zevangeli ezikhokelwa nguDumi Mkokstad, iimvumi zehip hop ezikhokelwa nguBig Zulu, iimvumi zikamaskandi ezikhokelwa nguKhuzani kunye neemvumi zegqom ezikhokelwa nguDJ Tira. Le midlalo ibibanjelwe kwibala lezemidlalo iTsakane Stadium eTsakane, eKurhuleni ngeCawe, umhla wama21 kweyeKhala 2024.

Kwiividiyo ezijikeleza kumakhasi onxibelelwano, le tumente ebiza kusasazwa kuSABC 1, ibonise aba saziwayo bengaboni ngasonye. UDumi utyhole iqela lehip hop negqom ngokuphumelela ngokungafanelekanga nokophula imithetho.

NgokukaDumi, iqela bekumele ukuba lenziwe ziimvumi ezinamacwecwe hayi abadlali bebhola ekhatywayo. Ukwathe ngokwemithetho, iqela ngalinye bekufanele ukuba libe nebhinqa elinye eliza kudlala ebaleni imizuzu elishumi ubuncinane.

“UTira uze nabadlali bebhola ekhatywayo, umthetho uthi abadlali mababe ziimvumi ezinamacwecwe,” utshilo uDumi ethetha nomsasazi wezemidlalo weSABC uAndile Ncube, logama uBig Zulu ebephazamisa udliwanondlebe.

“UTira akazange afake ntombazana, ebefuna kodwa ebengabhaliswanga. Yiyo loo nto bekukho ingxaki kwizintlu kodwa sadlala kwamnandi, kwaphumelela ihip hop negqom. Bekufanele ukuba basiyeke siqhubeke sidlalele abalandeli. Ayikho malunga nemali, imalunga nokokuzonwabisa.

“Inye into ebekumele yenzekile kukuba behlise umoya abafowethu, baphumelela kunyaka ophelileyo noxa besinezikhalazo zange sithi makakhutshwe ubani. Kuba siyazi ukuba oku kungokonwaba nje nokuba abalandeli babukele iimvumi zidlala. Ibuhlungu into yokuba uDumi ngoku ufuna le tumente ime phambi kwabo bonke aba balandeli baninzi,” utshilo uBig Zulu ngethuba ethetha noNcube weSABC.

UBig Zulu uvakale ephinda-phinda esithi, “Ngenxa yalo mfana,” ebhekisa kuDumi.

Iikapteni zamaqela athathe inxaxheba kule tumente: Khuzani, Dumi Mkokstad, DJ Tira noBig Zulu.

Abantu bahlukene ngokwezimvo malunga nale meko. Nazi ezinye zezimvo ezivela kwikhasi likaX (owayesakuba nguTwitter).

@SbusisoMhlanga0: “UBig Zulu ndiye ndavele andamhlonipha xa ebhekisa kwindoda etshatileyo enomzi ngomfana kumabonakude. Makayeke uDumi Mkokstad, imithetho yimithetho nje.”

@gqom_addict: “Wena [Dumi] wophule imithetho kunyaka uphelileyo waphumelela, akukho mntu wangxolayo ngalo nto kwaye bonke ababiza uDJ Tira ngamagama, inzondo yenu ngakuye ayizumhlutha nto.”

@BMnqandeni: “Ndiyayithanda into eyenziwa nguDumi neqela lakhe, imithetho yimithetho kwaye kufuneka ithotyelwe kwaye ihlonitshwe.”

@djthamzasa: “Nayimosha into entle kanjena Dumi, into embi ngoku kugxekwa isizwe samaZulu.”

@SimthoBiyela: “UBig Zulu bekufanele ukuba ube ngumzekelo njengokapteni nomnye wabantu abadala kule tumente, kuquka noTira. Ukubiza uDumi ngomfana bekungeyomfuneko, uyindoda etshatileyo.”

@MabiyaMonwabisi: “Kodwa ngomoya omhle womdlalo, bekungafanelekanga na kulungiswe naziphi na izikhalazo kwixesha elizayo? Kwakhona, mhlawumbi kuya kufuneka ucele iphepha leqela phambi kokuba udlale ukuze uthintele abadlali bebhola ekhatywayo ekudlaleni.”