Abadlali bomdlalo iPimville ezoqala ngeveki elizayo kuSABC2.
Image: Uthunyelwe
Abawuvali umlomo abo badumileyo ngokuba ngabadlali bakamabonakude eMzantsi Africa emva kokuba isikhulo uSABC2 sisungule imidlalo emibini ethi Pimville nothi Paradys.
Le midlalo kulindeleke ukuba iqale kule nyanga kwesi sikhululo.
NgoLwesine, kule veki esi sikhululo sidize ezi ndaba zimnandi kooNondaba eSandton, eGoli.
Abadlali abaninzi abaza kudlala kule midlalo ivelisiweyo bathe bayakuvuyela ukubuyela kwabo eSABC, nabathi le midlalo iza kudontsa amehlo kubabukeli.
UKeke Mphuthi omnye wabadumileyo, uthi ibisele ilixesha elide engasabonakali kumabonakude kungoko kuyinto emvuyisayo ukuba aphinde abesemdlalweni okwizinga eliphezulu kanje.
"Siza nento ekwizinga eliphezulu kakhulu nento esicinga ukuba iza kuba ngundabamlonyeni kwabaninzi. Indawo endiza kube ndiyidlala ngeyenkosikazi etshatileyo kodwa ngenxa yemingeni edibana nayo ekuhlaleni, uza kuphela engasathembakalanga emyenini wakhe nekuyinto eyenzekayo manyani kwiintsapho ezininzi kweli.
"Umdlalo lona ubonisa impilo yaselokishini njengokuba sisazi ukuba iPimville ngenye yeelokishi ezinkulu eSoweto eGoli," utshilo uKeke.
Umvelisi owaziwayo uMandla N novelise umdlalo iParadys, uthe: "Ndithi wonke umuntu makalindele lukhulu kulo mdlalo ngoba uza nokuninzi, abantu baza kuwuvuyela kwaye bafunde into kuwo. Akubanga lula kum ukuba ndenze umdlalo wolu hlobo njengoba kungowokuqala uthetha ngolwimi lwesiBhulu kodwa ngokuzimisela kwenzekile," utshilo uMandla.
iSABC idize ukuba injongo yayo kukubuyisela esi sikhululo kwisimo esasikade sikuso kudala. Kule ndibano kukwakuninzi okuveziweyo ngokotshintso oluza kwenzeka.