Ezoyolo

UTyla wenze imbali kwakhona kwiGrammys!

Cwayita Nondula|Published

Imvumi yaseMzantsi Afrika uTyla iphinde yenza imbali kwiimbasa zeGrammys.

Image: X

Imvumi yaseMzantsi Afrika uTyla ibhale igama layo kwiincwadi zembali ngeCawa ngokuphumelela imbasa yakhe yesibini yeGrammy.

Le mvumi iselula iphumelele imbasa kudidi lweBest African Music Performance ngengoma yakhe edumileyo ethi Push 2 Start.

Waphumelela iGrammy yakhe yokuqala ngo2024 kwakolu didi lunye ngengoma yakhe ethi Water. UTyla ube ngumntu wokuqala ukuphumelela imbasa kudidi lweBest African Music Performance kabini ukusukela oko olu didi longezwa kwezi mbasa zeGrammys ngo2024.

Ngo2024, wenza imbali ngokuba ngeyona mvumi incinci yaseAfrika ukuphumelela imbasa yeGrammy eneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala kuphela.

Ezinye iimvumi zaseAfrika ebezityunjwe kolu didi ziquka, uBurna Boy (ngengoma ethi Love), Davido ekunye no-Omah Lay (ngengoma ethi With You), Eddy Kenzo noMehran Matin (ngengoma ethi Hope & Love), kwakunye noAyra Starr ecula kunye noWizkid (ngengoma ethi Gimme Dat).