Imvumi yaseKapa uBravo Le Roux ongasekhoyo.
Image: Bravo Le Roux / Facebook
Umrepha waseKapa, uSinesipho Peter owaziwa kakhulu ngelikaBravo Le Roux, uswelekile.
Ezi ndaba, nezothuse abantu abaninzi, zibhengezwe lusapho lwakhe kwikhasi lakhe lonxibelelwano.
"Sibuhlungu kakhulu ukuqinisekisa ukusweleka kukaBravo Le Roux, imvumi ethandwayo yaseMzantsi Afrika nalapho italente, ilizwi nomoya wayo uchukumise ubomi babantu abaninzi kwihlabathi liphela," lutshilo usapho kwingxelo.
Bathi ngaphaya komsebenzi wakhe njengemvumi, ebengutata ozinikeleyo, unyana onothando, ubhuti, umzala kunye nomhlobo osenyongweni.
"Indoda apho ubukho nothando lwayo ludlulela ngaphaya kweqonga ukuya kwiintliziyo zosapho lwayo kunye nabo basondeleyo kuyo."
Usapho lukaBravo lumchaze njengomyili onesiphiwo, ummeli ozingcayo woluntu asuka kulo kunye nenkuthazo kwiimvumi ezikhasayo.
UBravo wazalelwa eQonce, eMpuma Koloni waza wakhulela eKhayelitsha, eKapa, eNtshona Koloni. Isandi sakhe esikhethekileyo samenza wathandwa ngabathandi bomculo.
Ngaphambi kokuba kuvele iindaba zokusweleka kwakhe namhlanje ngoLwesihlanu, izolo upapashe ividiyo kwikhasi lakhe likaFacebook edanisa, kudlala ingoma yakhe kule vidiyo eseZurich, eSwitzerland – ividiyo ihamba nomyalezo apho ebenqwenela abantu unyaka omtsha omyoli.
Ayaphokoka amazwi ovelwano ngokusweleka kwale mvumi.
Usapho lucele ukuba lunikwe ixesha lokuzila ngeli xesha linzima.