UBig Brother Mzansi ubuyela kumabonakude ngempelaveki kwaye uLiema Pantsi ngomnye wabantu abanokuba yinxalenye yale sizini.
Image: @liyema_pantsi / Instagram
Inzalelwane yaseQonce, uLiyema 'Liema' Pantsi, ngomnye wabantu abanikwe ithuba lesibini lokuthatha inxaxheba kuBig Brother Mzansi (BBMzansi) kule sizini eza kuqala.
Isizini yesithandathu yeBBMzansi iza kuqala ngempelaveki ngeCawa ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa. UPantsi ngomnye wabantu abasixhenxe ababe yinxalenye yesizini ezidlulileyo zale nkqubo kwaye uza kunikwa ithuba lokuthatha inxaxheba kule nkqubo ithandwa ngabaninzi okwesibini.
Ababukeli bekufuneka bavote kwaye abantu abane abafumene iivoti ezininzi baza kungena endlini kaBig Brother ngeCawa. Ukuvota kuvalwe ngoLwesine, umhla wesibhozo kweyoMqungu.
Le sizini inesihloko esithi, "Bazozwa," kwaye ilandela le yangaphambili enesihloko esithi, "Umlilo," eyaphunyelelwa nguAkhonamathemba 'Sweet Guluva' Zwane kweyoKwindla ka2025.
UPantsi wayekwisizini yesine yeBBMzansi enesihloko esithi, "S'ya Mosha," apho wahamba neR250 000 emva kokukhetha imali waza washiya inkqubo njengenxalenye yenguqu eyayingundabamlonyeni. Le mvumi ithe iceba ukonwaba kule sizini.
"Kwisizini edlulileyo andizange ndonwabe ngendlela ebendiyicwangcisile, kule sizini ndifuna ukonwaba ngokwenene," utshilo uPantsi ohlala eGoli ngoku nogxile kumculo wakhe.
Kwisizini yakhe, uPantsi ubandakanyeke kwimilo emininzi, kweli ityeli uthembisa ukuba akayi kubakho kwimilo enokubangela ukuba ohlwaywa nguBig Brother. "Ndiza kuvala umlomo wam kule sizini – nje kancinci," utshilo.
Abantu abasixhenxe abavotelwe ngababukeli ukuba babe yinxalenye yale sizini izayo yeBig Brother Mzansi.
Image: Mzansi Magic
Abantu abasixhenxe abavotelwe ngababukeli ngaba:
USmash Afrika ubuya njengombhexeshi wenkqubo.
Isizini yesithandathu yeBig Brother Mzansi iqala ngeCawa, umhla weshumi elinanye kweyoMqungu ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa kuMzansi Magic (DStv Channel 161) kwaye iza kudlala yonke imihla kuDStv Channel 198.