Ezoyolo

UThandiswa Mazwai ulungiselela umnyhadala emva kokutshayela kwiSAMA

Cwayita Nondula|Published

Imvumi uThandiswa Mazwai utshayele kwiSAMA kutshanje.

Image: Uthunyelwe

Imvumi yoMzantsi Afrika, uThandiswa Mazwai, kutshanje uphumelele iimbasa zomculo zeSouth African Music Awards (SAMAs), ngecwecwe lakhe elinconywa kakhulu elithi Sankofa, awalikhupha ngo2024.

Uphumelele iimbasa ezine zeBest Female Artist of the Year, Best Produced Album of the Year, Best African Adult Contemporary Album kunye neBest Engineer.

"Ndiyabulela kwiSAMA ngeli wonga limangalisayo. Ngokwenene lo ibingunyaka weSankofa," utshilo ebulela iSAMA.

UThandiswa uthe akakholelwa ukuba uchithe isiqingatha sobomi bakhe esenza umculo. "Akukholeleki ukuba ngoku ndigqiba iminyaka engamashumi amahlanu (50) kwaye ndichithe ngaphezulu kwesiqingatha sobomi bam kumculo.

"Ingoma yam yokuqala enkulu kanomathotholo ndayikhupha kwiminyaka engamashumi amathathu (30) eyadlulayo neqela elibizwa ngokuba yiJacknife kwaye ndiwongekile ukuba ndisengomnye weemvumi ezichongwe kakhulu kwiSAMA ngecwecwe lam elithi Sankofa. Ndisikelelwe ngokwenene," utshilo.

Emva kwale mpumelelo kwiSAMA, uThandiswa ngoku uza kugxila kumnyhadala weSankofa oza kuqhutyelwa eCarnival City ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMdumba ka2026.

"ISankofa Heritage Festival ibalulekile kuthi ukuba sidibane njengoluntu sikhuthaze inkcubeko yothando, impiliso kunye novuyo," utshilo uThandiswa.

Kuthiwa uza konwabisa nabahlobo kwakunye nabantu abakhe basebenza naye, abamele umxube weentlobo zomculo waseAfrika kunye nezizukulwana. Uluhlu olupheleleyo lweemvumi luza kubhengezwa kwiinyanga ezizayo.

"Kukho isidingo seminyhadala eyongezelelekileyo elungiselelwe amagcisa egxile kumculo, inkululeko noluntu. Ndiyavuya ukongeza ilizwi lam kuloo njongo. Ndenza lo mnyhadala ukuba ndinganiki nje kuphela ithuba abaculi abasakhasayo kodwa nokubhiyozela iinkcubeko zethu noluntu lwethu ngokubanzi," utshilo.

Umnyhadala weSankofa Heritage Festival kuthiwa uzinikele ekugcineni nasekubhiyozeleni umculo wesiNtu waseAfrika.

Amatikiti omnyhadala weSankofa afumaneka kwiComputicket.