UBrenda Ngxoli nguBrenda Fassie kwinkqubo kaSABC 1 ethi Vulindlela.
Image: Instagram
Umakadenetha womdlali kamabonakude, uBrenda Ngxoli, udlala indawo kaBrenda Fassie kwinkqubombaliso kaSABC 1 ethi Vulindlela neqale ngoMgqibelo we15 kweyeNkanga 2025.
Le nkqubombaliso eneziqendu ezine imalunga nohambo lukaBrenda Fassie, nowayesaziwa ngokuba nguMaBrr, emculweni. Kule nkqubo iVulindlela, uBrenda Fassie ubalisa ibali lakhe ngomculo ongalibalekiyo nodliwanondlebe olungafihlisiyo nolubonisa ubuyena obungahluzwanga.
Le nkqubo iquka abo basondeleyo kulo vulindlela ongasekhoyo njengentsapho, abahlobo, abantu ababesebenzisana naye, kunye nababhali bobomi — umntu ngamnye ebalisa ngamava akhe nale mvumi.
Umdlali kamabonakude onesiphiwo uNgxoli udlala indawo kaBrenda Fassie aze uSphamandla Dhludlu adlale uChicco Thwala.
OyiNtloko yejelo eSABC, uOfentse Thinane, ethetha ngoBrenda Fassie uthe, “Ibali kunye nelifa likaBrenda Fassie alinakuze lilibaleke. UBrenda Fassie ngumzekelo obalaseleyo wokuleqa amaphupha akho kunye nokucela umngeni kule meko ikhoyo. Ukucela umngeni ubunzima kunye nokwenza indlela yakho eya empumelelweni.”
UNgxoli, owaqala ukuvela kumabonakude ngo2005, udume ngobuchule bokudlala iintlobo zabantu awathi wabubonisa kwiinkqubo zikamabonakude nakwimiboniso bhanyabhanya. Abaninzi bamkhumbula kwinkqubo kaSABC 1 ethi, “Home Affairs” apho wayedlala indawo kaVuyo nalapho uninzi lwabantu luqale ukumthanda.
Ukhe wadlala nakwiinkqubo ezifana neRockville, Hustle kunye neThe Queen ukubalula ezimbalwa. Ukhe waba kwiifilimu ezinje ngoSpud kwaye kutshanje, iA Scam Called Love.
Ungaphoswa nguVulindlela kuSABC 1 ngeMigqibelo ngentsimbi yesibhozo ebusuku.