Ingoma kaNgconde ethi Ndlemnyama ka Xhosa nasebenze kunye nembongi Indlalifa Yamaqibimbola kuyo.
Image: Uthunyelwe
Imvumi yomculo wesiNtu, uSinetemba Qhutywa, owaziwa ngegama leqonga elithi Ngconde ukhuphe ingoma eqaqambisa isihelegu sokubhubha kwabakhwetha okuthe gqolo kwiphondo leMpuma Koloni.
Le ngoma yale nzalelwane yaseNgqushwa ethi, Ndlemnyama kaXhosa, apho isebenze nembongi uAsiphesona Moyakhe Hewu nowaziwa ngelika Indlalifa Yamaqabimbola, ziinzame zokuveza umba ogqugqise isiko lamaXhosa kule minyaka idlulileyo.
Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa malunga nenkuthazo yakhe yokwenza le ngoma uthe: "Xa siyijonga le meko nanjengabantu abathanda amasiko nezithethe nobuzwe bethu bakwaXhosa, sabona ukuba masenze le ngoma ukuhewula lo mkhwa wokubhubha kwabakhwetha kuba isiko eli lidala linenkqayi futhi alibulali. Sixheleka umxhelo minyaka le ukulibona lirhuqelwa eludakeni."
UNgconde ukwabongoze amaKomkhulu ukuba aqinise indima yawo kweli siko.
"Sikwacela namaKomkhulu wethu asebenze ngamandla ukuqiniseka ukuba yonke into isezandleni ezilungileyo kuba lo mcimbi mandulo wawudla ngokusingathwa ngawo amaKomkhulu ngebutho eliphahla iNkosana," utshilo uNgconde.
Kweli xesha lasebusika lolwaluko, bangaphaya kweshumi abakhwetha abathe babhubha eMpuma Koloni kwaye uninzi lwaba babhubhileyo lunxulunyaniswa nezikolo zokwaluka ezingekho mthethweni.
UNgconde uthi izinto ezinje ziyalingcolisa isiko. "Sihewula ukurhuqelwa kwesiko lwethu eludakeni ngabantu abamane bengenelela besenza izinto ezingekho mthethweni nto leyo ebangela ukuba lingcole ngokungathi liyabulala kanti akunjalo."
Le ndedeba yaseNgqushwa iqale ukwenza umculo ngo2020 apho yenza umculo wesiNtu kuba izingca ngesiko layo. Ukwapheka icwecwe nathembisa ukuba liza kufumaneka kungekudala.
Ingoma yakhe ethi Ndlemnyama ka Xhosa ifumaneka kuwo onke amaqonga omculo kwi-intanethi.