Ezoyolo

Ulandulele eli uMadluphuthu

Cwayita Nondula|Published

Uswelekile uOscar "Madluphuthu" Mgudlwa.

Image: Facebook

Ubhubhile umdlali kamabonakude, uOscar Mgudlwa, nowaduma ngegama leqonga elithi Madluphuthu.

Iindaba zokubhubha kwakhe zibhengezwe ngunyana wakhe uAsanda Mgudlwa kuFacebook.

Ayaphokoka amazwi ovelwano ngokubhubha kwalo mdlali kamabonakude okwaliqhula nemvumi, uninzi lothukile zezi ndaba zokubhubha kwakhe.

UMadluphuthu waziwa ngokudlala kwimiboniso bhanyabhanya edumileyo efana noMadluphuthu 1 no2 kunye noMy sh*t father and My Lotto Ticket apho wazenzela igama.

UMgudlwa wazalelwa eDaveyton, eGauteng. Ngokutsho kweSowetan, utata wakhe wasweleka eneminyaka elishumi elinesithathu (13) kwaye umama wakhe owamkhulisayo kunye noodadewabo abathathu naye wasweleka.

Iingxelo zithi emculweni usebenze neemvumi ezifana noManchild obekwiqela lomculo iMina Nawe kunye noMapaputsi.

Abantu bathumela amazwi ovelwano kumakhasi onxibelelwano ngokubhubha kwakhe.