Ezoyolo

Umsasazi weGagasi FM ukhuzelwa 'ubundlavini'

Cwayita Nondula|Published

Umsasazi weGagasi FM uMinnie Ntuli ngundabamlonyeni emva kokuvela kwinkqubo kamabonakude iRHOD.

Image: X

Abantu basabambe ongezantsi kwaye basathetha ngokuziphatha komsasazi weGagasi FM, uMinnie Ntuli, obekwinkqubo kamabonakude edumileyo iReal Housewives of Durban (RHOD) nalapho abantu bebemkhuzela "ubundlavini" kule nkqubo.

Ababukeli bale nkqubo bamgxekile lo msasazi ngendlela aziphathe ngayo kule nkqubo. UNtuli kwenye yezinto ezingazange zibonwe kule nkqubo, waboniswa enyola ibunzi likaLondie London nto leyo eyacaphukisa abantu.

UNtuli uxolisile ngokuziphatha kwakhe, esithi uyibukele le nkqubo kwaye akayithandi indlela aziphatha ngayo.

"Ndifuna ukuxolisa ngokungazenzisiyo koogxa bam abebekule nkqubo. Ndiyazi ukuba izenzo zam zabakhathaza abanye, yaye ngenxa yoko, ndizisola ngokwenene. Ndinxibelelane nabo bucala nasesidlangalaleni, kwaye ndisazibophelele ekulungiseni izinto, kuquka nokuncokola ubuso ngobuso xa befuna," utshilo uMinnie kwikhasi lakhe likaFacebook.

UMinnie ukwathe uzinike ixesha lokuncokola nabaphathi beGagasi FM malunga negama elibi aliphathele esi sikhululo ngokuba kule nkqubo.

"Nangona umsebenzi wam kunomathotholo kunye nobukho bam kule nkqubo ingamaqonga amabini ahlukeneyo, mna neGagasi FM sivumelene ukuba kubalulekile ukuba ndiphendule ngezenzo zam.

"Isikhululo sivakalise ukuphoxeka kwindlela endiziphathe ngayo, kwaye siye savumelana ukuba ndiza kufuna uncedo kwingcali ukuze ndiphucule indlela endisabela ngayo kwizinto," utshilo.

Esi sikhululo sikwathethe esidlangalaleni ngokuziphatha kukaMinnie kule nkqubo sisithi "badanile" kwaye "bothukile" yinto abayibonileyo.

"Nangona iReal Housewives of Durban iyinkampani ezimeleyo kwaye yahlukile kwiGagasi FM, siyavuma ukuba ukuziphatha kukaMinnie kule nkqubo kube nefuthe kwinkampani yethu nakuluntu esilusebenzelayo," sitshilo isikhululo kwingxelo.

Isikhululo sithe bachasene naluphi na uhlobo "lokungcungcuthekisa, ubundlongondlongo kunye nokungahloniphi." IGagasi FM ithe bathethile noMinnie ovumileyo ukuba uza kufuna uncedo kwaye bazimisele ukuxhasa inkqubo ekhuthaza ukuphilisana, ukuxolelana nokuhloniphana.