Ongasekhoyo uFezile "Feya" Faku.
Image: Facebook
Asaphokoka amazwi ovelwano emva kokusweleka kukaFezile "Feya" Faku, umakadenetha, igqala lomculo weJazz, ngoMvulo, umhla wama23 kweyeSilimela, ngethuba ebetyelele eSwitzerland ngelokonwabisa abathandi bomculo.
Lo mdlali wexilongo wodumo waseNew Brighton, eGqeberha, ubhubhe eneminyaka engama63. Usapho lukaFaku luqinisekise kwingxelo ukuba ulale akavuka ngethuba ekhenketha eBasel, eSwitzerland, eyokonwabisa abalandeli bomculo.
ISebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni (DSRAC) lidlulise amazwi ovelwano kusapho, izihlobo, oogxa bakhe noluntu ngokubanzi lwezobugcisa ngokubhubha kukaFaku.
Othethe egameni leSebe, uAndile Nduna, uthethe wenjenje: "Iphondo leMpuma Koloni, nelidume ngokuvelisa amagqala kwezobugcisa nomzabalazo, liphulukene nelizwi lomculo elibethelela ubunyani, imfezeko, nokuzingca. Ilifa lakhe liya kuhlala likhona kuzo zonke izandi azidlalileyo, kuzo zonke iimvumi azifundisayo, nakwizandi ezingaphelelwa lixesha azidalileyo."
Usapho lukaFaku luthe iinkcukacha ngamalungiselelo omngcwabo ziza kuxelwa ekuhambeni kwexesha.