Inzalelwane yaseMqanduli uLuyanda Zitulele ukhuphe iEP yakhe entsha nethi Uhambo.
Image: Uthunyelwe
Inzalelwane yaseMqanduli ikhuphe iEP yesibini yayo entsha nebizwa 'Uhambo', ekupheleni kwenyanga kaCanzibe kulo nyaka ka2025.
ULuyanda Zitulele uthi umculo yinto akhule nayo, nanjengoko ekhulele kwikhaya lenkonzo.
"Ndikhule abazali bam bengabefundisi, kwaye ecaweni bendikwiSunday School, ndabe ndiyaqhubeka nawo [umculo] apha ebudaleni ngenxa yothando lomculo ebendinalo," utshilo uZitulele.
Emva kokuphumelela ibanga lakhe leshumi, le mvumi yathi yasingisa eRhawutini ngeliya kukhangela amadlelo aluhlaza kwikhono lomculo ukuze ifeze amaphupho ayo.
"Akukhange kubelula ekuqaleni, kwathi kanti ubomi bunezinye izicwangciso ngam. Ngethuba ndikhangela amadlelo aluhlaza kwisixeko esikhulu, kubekho nethuba apho ndike ndazifumana ndingenandawo yakufihla intloko. Oko ke kwandiqhubela ekubeni ndingene kwicala lefashoni nokufota ukuze ndiphile, ndabeka umculo bucala," utshilo uZitulele.
Ngonyaka ka2021, izinto zathi zaqala ukukhanya kule mvumi, nalapho yathi yakhupha ingoma ethi 'Thetha Nabo', kamva wayilandelisa ngeEP ekwathi 'Thetha Nabo.'
Kule ngoma yakhe yokuqala ethi 'Thetha Nabo', wasebenzisana nosaziwayo kumculo eMzantsi Afrika, uZuko SA, nosele ezenzele igama ngokuba namawonga kweli khono lomculo.
"Ukusebenzisana kwam noZuko SA, kwandivulela amathuba kwikhono lomculo, nanjengoko kamva le mvumi yathi yasebenzisana nam kwingoma ethi 'Umkhonto', kwicwecwe layo," utshilo uZitulele.
Ukanti ngo2023, uZitulele ukhuphe enye ingoma ethi 'Ithemba', nalapho wayesebenzisana noLilitha Ntsundwana okwangusaziwayo. Kunyaka olandelayo u2024, uZitulele wakhupha enye ingoma ethi 'Ndiyehluleka', neyathi yaveliswa nguZipho Sigcau, owaziwa kakhulu ngokuba nguDJ Teddy.
Le mvumi ithi umculo wayo yiAfro Soul, kunye neAfro Pop, kodwa ke ingazichasananga nezinye iindidi, nanjengoko inako ukwenza iingoma nabavelisi bomculo ekuthiwa yiHouse kwiingoma zabo.
Ukanti ukwachaze usuku akuphume ngalo iEP yakhe njengolwalubaluleke kakhulu kuye, nanjengoko ikwalusuku awathi wazimanya nenkampani aza kusebenzisana nayo, nebizwa ngokuba yiMelrose Studios.
"Ibiyimincili emikhulu kakhulu, kwaye intsebenziswano yethu ndiyithembile," uvale ngelo uZItulele.
Le EP entsha kaZitulele neneengoma ezintathu, iyafumeneka kumaqonga omculo kwi-intanethi.
Ukanti yena ungamlandela kumakhasi onxibelelwano nalapho ebizwa ngoZitulele Luu.