Ezoyolo

Fumana ulwazi nolonwabo kumsitho weevidiyo zomculo eGqeberha!

Zenande Maqubela|Published

Gqeberha: Umququzeleli weMandela Bay Municipality Music Video Film Festival, uSebenzile Zalabe, nokwangumsunguli wenkampani ebizwa ngokuba yiFlying Loudcast Agency.

Image: Facebook/Zalabe

IGqeberha iza kubamba umsitho wokuqala ngqa obizwa ngokuba yiMandela Bay Municipality Music Video Film Festival, ngoMgqibelo umhla wama31 kule nyanga kaCanzibe, eAtheneum.

Lo msitho yenye yeemveliso zomququzeleli walo msitho, uSebenzile Zalabe, nokwangumsunguli wenkampani ebizwa ngokuba yiFlying Loudcast Agency. IFlying Loudcast Agency ibithe yahlaba ikhwelo kubavelisi beevidiyo zomculo kweli phondo leMpuma Koloni, kunye noMzantsi Afrika uphela, ukuba bangenise iividiyo zabo kukhuphiswano lokukhetha ividiyo ehamba phambili.

Ukwamkelwa kweevidiyo kolu khuphiswano luthe lwavalwa ngobusuku bomhla wama20 kule nyanga kaCanzibe.

"Eli phulo limiselwe ukwenyusa izinga lomculo kwiphondo leMpuma Koloni. Kulindeleke ukuba lizinyaswe ngabavelisi beevidiyo zomculo, nabaza kuthi babelane ngolwazi nabo basakhasayo kwikhono lomculo. Ukanti abo baza kube bephuma kusasazo lweevidiyo zomculo nabo bamenyiwe kulo msitho ukuza kwabelana ngamava abo," utshilo uZalabe.

Ukanti zilushumi elinesixhenxe iividiyo ezithe zangeniswa kolu khuphiswano.

"Sonelisekile linani esithe salifumana labo bangeneleyo, ingakumbi siqala ngqa ukubamba umsitho onjena, sinethemba lokuba lakukhula inani kunyaka ozayo, nanjengoko siza kuwubamba minyaka le lo msitho," utshilo uZalabe.

Uthe lo msitho ukhuthazwe kukubona intshisakalo ulutsha olunayo emculweni, kwanokubona isidingo sokufundisa ulutsha ukuze lukwazi ukusebenzisa iimfonomfono zalo zala maxesha, namakhasi onxibelelwano ukukhulisa amashishini neenkampani zalo zomculo.

Ukanti osisithethi salo msitho uSinethemba Gayiza, uthe ngaphezulu kwento yonke, eyona nto bayifunayo kukukhuthaza iqondo eliphezulu kweli khono lomculo. Uqhube wathi ngalo msitho banethemba lokutsala abavelivisi beevidiyo, iimvumi, iinkampani ezivelisa umculo, iimvumi ezisakhulayo kunye nabavelisi bomxholo (content creators).

"Sikholelwa ukuba abavelisi bomxholo bangalenyusa izinga lomculo kwimixholo yabo, nto leyo ingenyusa umculo weli. INelson Mandela Bay Music Video Film Festival ayikho nje ngokubukela, koko ikwangoku bandakanya, ukunxibelelana, kunye nokukhuthaza isizukulwana esilandelayo sabavelisi beevidiyo zomculo abaphuma eMpuma Koloni nakwilizwekazi liphela," uvale ngelo uGayiza.

IFlying Loudcast Agency, yenza oku ngenkxaso yeNelson Mandela Bay Development Agency, iMyBliss Technologies, kunye neSonwabo Audio Visuals,

Lo msitho uza kuqala ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa (11am), ngoMgqibelo, umhla wama31, eAtheneum, eGqeberha, kwaye ke nolonwabo luza kube ludlala abantwana.

Amatikiti ayafumaneka eWebticket, kwaye axabisa iR100.