Ezoyolo

Siyabuya kwakhona i'Slay Queen' seSkeem Saam!

Zenande Maqubela|Published

Emva kweminyaka emine ehlabe ikhefu kwiSkeem Saam uLesego Marakalla odlala indawo kaRachel Kunutu uyabuya kwakhona.

Image: Instagram/lesego_marakalla

Emva kweminyaka engasabonakali uLesego Marakalla odlala indawo kaRachel Kunutu kumdlalo kamabonakude iSkeem Saam, uyabuya kwakhona kulo mdlalo kwinyanga ezayo.

URachel Kunutu, i'Slay Queen' sokuqala eTurf, ngomnye wabadlali bokuqala ekusekweni kwalo mdlalo kamabonakude, nalapho isiqendu sawo sokuqala savela ngonyaka ka2011. Uqale kulo mdlalo engumfundi kwisikolo samabanga aphezulu iTurfloop, kunye nabanye abadlali abafana noKwaito, Tbose, Mapitsi, kuquka nabanye.

Phambi kokuba anyamalale uRachel Kunutu, ebesele encuma noMarothi Maphuthuma nongumsunguli weTurf Talent Extravaganza, nomnini wenkampani yokushicilela. Ngethuba inyamalala i'Dynamite' nanjengoko ebebizwa olo hlobo nguMarothi, kusemva kokuba esi sibini sathi sazimanya ngeqhina lomtshato, ze kamva uRachel wanyamalala. Ukugqibela kwakhe ukuvela kulo mdlalo uRachel ibiyinyanga yeSilimela, kunyaka ka2020.

Uyakukhumbula ukuba ukumka kwakhe uRachel washiya uMarothi, embele isixa sobutyebi bakhe, ze wamdyobha ngamafutha enyama engayityanga 'ngokufa kwakhe'. 

ISkeem Saam sithi ukubuya kukaRachel kuza kufumaniseka ukuba ebezibandakanya nabantu abangalunganga, nebebemfakela uxinizelelo lokuba abe nobuhlobo nabantu abayingozi abafana noLord of the Flies odlalwa nguArchie Nhlapo, noGhost, nekungumdlali omtsha, oza kudlalwa nguTshepo Howza Mosese.

Ukubuya kukaRachel kuza kusikrobisa kubudlelwane bakhe noGhost oyingozi, obabazwa ngokuba yingozi. UKanti kuza kuthi kungekudala uRachel egalelekile, agaleleke naye uMarothi odlalwa nguMacks Senatla SaGa Papo, umbuzo omkhulu ngowokuba ingaba kuza kubakho uxolelwano okanye impindezelo kwesi sisbini?

Ungaphoswa ngulo mdlalo kamabonakude iSkeem Saam, nesidlala kuSABC 1, rhoqo ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa, ngoMvulo ukuya kuLwesihlanu.