UMinnie Dlamini uthi uza kuthatha amanyathelo asemthethweni ngakuMacG.
Image: File
UMinenhle 'Minnie' Dlamini ekugqibeleni uthethe phandle emva kokuba umsasazi wePodcast and Chill uMacgyver 'MacG' Mukwevho ecele uxolo ngenxa yentetho ekhubekisayo ayithethileyo ngaye kwinkqubo yakhe yomnatha.
Ethetha ngalo mba esidlangalaleni okokuqala, uMinnie uthe kwingxelo yakhe ayipapashe kwikhasi lakhe lonxibelelwano uInstagram, kwezi veki zimbalwa zidlulileyo ebebukele engakholelwa kwaye ebuhlungu njengoko igama lakhe, umzimba nesidima sakhe zirhuqwa eludakeni nguMacG.
"Zange khe ndathetha izinto ezimbi ngale ndoda. Ekuphela kwento endayenzayo yayikukukhusela isidima kunye nengqibelelo yebhinqa elikwishishini lezolonwabo kwiintetho ezibi ngalo," utshilo uDlamini.
Ukwaqinisekise ukuba ulufumene uxolo oluvela kwiPodcast and Chill ngamagqwetha abo. "Ukucela uxolo kuphela emva kokuba umonakalo wenzekile kwaye uzama ukucoca igama lakho, ayisosenzo esinentsingiselo soxanduva," utshilo uDlamini.
UDlamini uye wadiza ukuba uza kuthatha amanyathelo asemthethweni ngakuMukwevho. "Njengosaziwayo kunye nomama, akufuneki ndizilwele mna kuphela kodwa wonke umntu obhinqileyo onyhashwa isidima sakhe egameni lolonwabo," utshilo.
Ezi ntetho zenziwe kwinyanga ephelileyo ngethuba uMacG nogxa wakhe uSol Phenduka nabasasaza le podcast idumileyo kunye, bebexoxa ngokwahlukana kukaDlamini noGqirha Brian Monaisa. UMacG uthandabuze isakhono sikaDlamini sokugcina indoda, ukwathe ukwahlukana kwabo kusenokuba kungenxa yobumdaka bukaDlamini, esenza intetho ekrwada malunga nelungu likaDlamini langasese.
Iintetho zikaMukwevho zigxekwe nguSekela Mphathiswa kwiOfisi kaMongameli ejongene namanina, ulutsha nabantu abakhubazekileyo, uMmapaseka 'Steve' Letsike, nobhongoze iPalamente ukuba ibize uMukwevho ukuba aziphendulele ngezenzo zakhe.
Nangona kunjalo, iKomiti yePotfoliyo yabaseTyhini, uLutsha kunye naBantu abaKhubazekileyo yenza isigqibo sokungambiza uMacG ukuba avele phambi kwekomiti. Kodwa le komiti ithe iyamxhasa uSekela Mphathiswa ngokuthi adibane neBroadcasting Complaints Commission of South Africa (BCCSA) naxa ewudlulisela lo mba kwiKomishoni yokuLingana ngokweSini ukuba iqhube uphando.
Kutshanje, uMacG uxolise kwipodcast yakhe, "Ndifuna ukuxolisa kubo bonke abasetyhini abaziChillers, namanina ngokubanzi eMzantsi Afrika ukuba ndinikhubekisile ngamazwi am, ibingeyonjongo yam leyo. Ndikwathanda nokudlulisa isimemo kuMinnie Dlamini ukuba eze kule nkqubo, wamkelekile kakhulu ukuba uze. Le nto yaqala kwipodcast, masiyiphelise kwipodcast. Wathetha izinto, nam ndathetha izinto – masiyiphelise kwaphela," utshilo.