Ezoyolo

IShaka iLembe ibuyela kumabonakude wakho kwinyanga ezayo

Cwayita Nondula|Published

IShaka iLembe iyabuya kwinyanga ezayo kumabonakude wakho.

Image: Mzansi Magic

Inkqubo kamabonakude ethandwayo iShaka iLembe ibuya kwakhona koomabonakude benu, iniphethele isizini yesibini ngeCawe, umhla we15 kweyeSilimela 2025 ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa kuMzansi Magic (DStv Channel 161).

IMultiChoice ibhengeze usuku oluza kudlala ngalo le nkqubo kamabonakude kutshanje, emva kokuba kunyaka ophelileyo ibhengeze ukuba le nkqubo imiselwe isizini yesibini.

Ethetha ngesizini yesibini, umphathi wezolonwabo (CEO General Entertainment) kwaMultiChoice, uNomsa Philiso, uthe: "Isizini yesibini luhambo olubonisa ubomi bukaShaka ngokubanzi. Sifumana ithuba lokuphonononga uShaka njengoKumkani, umqulunqi maqhinga, umntu onobuchule, njengoko esakha ubukhosi."

Le nkqubo ibalisa ibali likaKumkani uShaka kaSenzangakhona wesizwe samaZulu nephulo lakhe lokulwela isihlalo sobukhosi.

Ingxelo yeMultiChoice ithi umdlali kamabonakude uLemogang Tsipa uza kubuya njengoShaka, logama uThembinkosi Mthembu naye eza kubuya adlale indawo kaDingiswayo. Abanye abadlali abaza kubuyela baquka, uNomzamo Mbatha odlala indawo kaNandi, uWiseman Mncube odlala indawo kaZwide, uDawn Thandeka King odlala indawo kaMkabayi, uKhabonina Qubeka naye uza kubuya njengoNtombazi, noMondli Makhoba njengoNgomane.

Abadlali abatsha abaza kuba kwisizini yesibini yale nkqubo nguZamani Mbatha, Luyanda Zuma, Amanda Seome, Anele Sphamandla Nene noSikhanyiso Sithole.

Isizini yokuqala yeShaka iLembe ibe yimpumelelo kwaye abantu bebekulangazelela ukubukela iisizini ezininzi zale nkqubo esele iphumelele ishumi elinesibini (12) leembasa zeeSAFTA.

Le nkqubo yenziwe yinkampani evelisa imiboniso bhanyabhanya neenkqubo zikamabonakude, iBomb Shelter Production, eyaziwa ngokuvelisa iinkqubo ezidumileyo ezifana neYizo Yizo, Zone 14, Shuga, Soul Buddyz, Isibaya, Ayeye ukubalula ezimbalwa.

IShaka iLembe ibuyela kumabonakude wakho kwinyanga ezayo