Umdlali kamabonakude uManaka Ranaka uza kubhexesha inkqubo entsha ethi Eyamadoda.
Image: Uthunyelwe
Umdlali kamabonakude nongumdlali kwiGenerations: The Legacy, uManaka Ranaka uza kuqhuba inkqubo entsha kraca ethi Eyamadoda, nengokunceda amadoda alahla abantwana babo.
Le nkqubo iza kuboniswa kuMzansi Wethu (Channel 163), ekupheleni kweyeKhala. UManaka uza kube ehamba enceda amadoda afuna ukunceda abantwana angabazaliyo, ukuba badibane nooyise ababazalayo, babondle.
Ethetha ngokufumana ithuba elifana neli, uManaka uveze ukuba athe wakubona ngethuba kushicilelwa iziqendu zale nkqubo kukuba akukho lula ukuba kusapho oludibanisa iziduko okanye iifani ezininzi.
"Asiyonkqubo nje lena endifuna abantu bayonwabele kuphela, ibashiye bemangazekile okanye bonwabile, koko ndifuna ibavule ingqondo babone iingxaki esijongene nazo elizweni lethu. Ndifuna kubekho abaphilayo ngokwasemphefumlweni ngale nkqubo, abanye bafumane iimpendulo ekudala benazo iminyaka. Ndikuvuyele ukufumana ithuba elifana neli, kwaye ndinethemba lokuba ngale nkqubo kuzoncedakala iintsapho ezininzi," utshilo uManaka.
Uthe akunqwenelayo kukuba aguqule amadoda ukuze kujongwe kuwo lulutsha olushakhulayo, bakwazi ukuba ngumzekelo omhle ebantwaneni babo, bangababaleki.
"Ndifuna ukubulela kootata abafike oomama benabantwana, babathatha babafaka phantsi kwephiko labo, abigqibela apho ngoba sinale nkqubo nje kungenxa yokuba befuna ukunceda abantwana bakwazi ukudibana nooyise babo. Isininzi samadoda esizobonakala kule nkqubo, siwakhangele kuba sele iyiminyaka anyamalala, abanye babo bachaza iingxaki zokuba bengasebenzi.
"Ukanti abanye bona bakhale ngokuba inkolo namasiko zizo ezibavalele ekubeni bangakwazi ukuba nexesha lokukhulisa abantwana babo. Ootata aba bakhulise aba bantwana abakufunayo ziimpendulo kwamanye amadoda, ukuba yintoni eyabenza bathatha izigqibo zokulahla abantwana," ucacise ngelo uManaka.
UManaka uthi ufumana eli thuba nje, kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo ubesanda kungcwaba intombi yakhe yokuqala uKatlego, owenzakala kwingozi yemoto, nokwakhokelela kwingulo yexesha elide, yagqibela isutywa kukufa.