Ezoyolo

'Ndikuthanda ngonaphakade,' utsho uConnie Ferguson ebhiyozela usuku lokuzalwa lukaShona

Cwayita Nondula|Published

UConnie Ferguson ubhale umyalezo ebhiyozela usuku lokuzalwa komyeni wakhe ongasekhoyo uShona Ferguson.

Image: Instagram

Umdlali kamabonakude nosomashishini ophum' izandla, uConnie Ferguson ubhale umyalezo ochukumisayo ebhiyozela usuku lokuzalwa komyeni wakhe ongasekhoyo uShona Ferguson obezakudibanisa iminyaka engama51 kulo nyaka ukuba ebesaphila.

Lo myalezo uwubhale kwikhasi lakhe likaInstagram ngoLwesithathu wale veki. "Ngeyidibanisa iminyaka eyi51 namhlanje iKumkani yam!" ubhale watsho.

"Ubenosuku lokuzalwa olumyoli ezulwini sithandwa sam. Iincoko ngawe zihlala ziphela ngentsini. Usinike ubomi obumnandi nobuchwayitisayo. Enkosi ngeenkumbulo ezimnandi – zasigcina siqhuba nakwezona meko zinzima kakhulu. Ndikuthanda ngonaphakade!"

UConnie ufumene imiyalezo yenkxaso evela kubalandeli kunye noosaziwayo ngokunjalo.

UShona wasweleka ngo2021 ngenxa yeKhorona. Ukubhubha kwakhe kothusa abantu – kwaye ngaphandle kwamathandabuzo kwaba yilahleko kwicandelo lezolonwabo. Ngaphandle kokuba ngumdlali kamabonakude, uye waseka inkampani evelisa iinkqubo zikamabonakude nemiboniso bhanyabhanya, iFerguson Films kunye nenkosikazi yakhe, uConnie. Ukhe wavela kwiinkqubo ezininzi zikamabonakude ezifana noMuvhango, The Wild, Rockville neThe Queen, ukubalula ezimbalwa.

IFerguson Films ivelise iinkqubo zikamabonakude ezithandwa ngabantu, ezifana neGazi, Rockville, The Queen kunye neKings of Joburg, kwezinye.