Ezoyolo

'Hamba Ungemi' noNomabotwe eGuild Theatre eMonti

Zenande Maqubela|Published

Imvumi yomculo weAfro Soul uNomabotwe uzakube eseGuild Theatre, eMonti ngoMgqibelo

Image: Uthunyelwe

Imvumi yomculo we-Afro Soul, neyinzalelwane yaseGqeberha, iza konwabisa uluntu ngoMgqibelo, umhla we-10 kwinyanga ezayo uCanzibe, eGuild Theatre eMonti.

UNomabotwe Mtimkulu uza kwenza umsitho wotyelelo ongecwecwe lakhe elitsha nelithi 'Hamba Ungemi'.

"UHamba Ungemi, yenye yeengoma endathi ndazibhala, nengokuzikhuthaza kubunzima endidibene nabo kule ndlela ndiyihambileyo. Nokuba kunganzima kangakanani na kumele ndiphumle xa ndidiniwe kodwa ndingayeki. Ndiyibhalele ukhuthaza mna kodwa ngoku ndibone ukuba mandiyise ebantwini ndibakhuthaze kananjalo", ucacise watsho uNomabotwe.

Kulo msitho wotyelelo lwakhe eMonti, uzisa umculo athi unethemba lokuba uluntu luza kuphuma londlekile kakhulu imiphefumlo yawo. Kweli cwecwe le mvumi isebenze neemvumi ezimbini, inzalelwane yaseZimbabwe uEdgar Muzah, nenzalelwane yaKwaZulu-Natal, uMthokozisi Mabuza, kwaye zombini ezi mvumi sele zike zaphumelela amawonga eMetro FM.

Le mvumi ithi umculo wayo iyazibhalela, kwaye eli licwecwe layo lokuqala ngqa liphume ngoNovemba kunyaka ophelileyo. Kumsitho wotyelelo lwayo eMonti le mvumi iza kube ihamba neqela layo lomculo (band), nezakube isuka nalo eGqeberha.

UNomabotwe walishicilela icwecwe lakhe eGqeberha phambi koluntu, eBoardwalk ICC, kumsitho athi xa ewuchaza wawukudidi oluphezulu kakhulu, nalapho indawo yayizele ime ngeembambo. Uthi ukucula yinto awathi wadibana nayo enkonzweni eBantu Church of Christ, wadlulela esikolweni, ze kamva wazimanya nekwayala ebizwa The Great Joy of Africa.

Ukhe wazibandakanya neVoice Of the Nation njengeMezzo Soloist, kwaye sele ekhe wayiyo nenxalenye yeqela likaStompi Mavi ongasekhoyo, nomncedisi kwiimvumi ezifana noRingo Madlingozi, Rocky Royalty, noArno Casterns.

Uhambo lukaNomabotwe emculweni luthabathe ishumi elinesibhozo (18) leminyaka, engumncedisi wezinye iimvumi, phambi kokuba akhuphe elakhe icwecwe lokuqala ngqa.

Kumsitho wotyelelo lwakhe uNomabhotwe eGuild Theatre, eMonti, ungoMgqibelo, umhla we-10 kwinyanga kaCanzibe, kwaye uqala ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.

"Nanjengomntu othi aphalaze imbilini yakhe xa eseqongeni, ndiza kwenza lonto ngomhla weshumi kwinyanga kaCanzibe eGuild Theatre, eMonti. Mna noKapi Gantsu neyimvumi endizakwabelana nayo ngeqonga ngala mini, siza kuninika into eningazange nayiva", uvale ngelo uNomabotwe.

Amatikiti alo msitho ayafumaneka ngexabiso leR250 equicket.