Imvumi yomculo weAfro-Soul uJolakazi une-EP entsha.
Image: Uthunyelwe
Imvumi esakhulayo yomculo weAfro-Soul, uJolakazi, ikhuphe iEP yayo yokuqala entsha nethi 'Lizophuma ilanga'.
UJolakazi nogama lakhe inguNokubonga Jikwana, waseTsholomnqa, eMonti, ukhuphe le-EP kwinyanga yoMdumba, kulo nyaka u2025. Ukwathi khange ibelula indlela yakhe kweli khono lomculo.
"Kuyiminyaka ndizama ukungena kwikhono lomculo, ndinkqonkqoze kwiindawo ezininzi kakhulu, nalapho uDJ Teddy, wathi wavula iingcango zakhe ndakunkqonkqoza kuye, kwaye walenza labe liyafezeka iphupha lam kunamhlanje," utshilo uJolakazi.
Uthi ukuvuleka kweli thuba ebomini bakhe, kumenze wabona ukuba noba bekukade kumnyama kodwa ngoku 'lizophuma ilanga', nekusisihloko se-EP yakhe. I-EP yakhe ineengoma ezintathu, ezithi 'Amalanga', 'Andihambi ndedwa', kunye nethi 'Piki piki'.
Le mvumi yathi yazibandakanya nomculo kwasekukhuleni kwayo ecaweni, ze uthando lwayo lomculo lwanda ngakumbi xa isenza izifundo zemfundo ephakamileyo, eMonti.
UJolakazi uthi umculo wakhe unenkuthazo kwabasele belahle ithemba, uthando kunye nesintu, kwaye umculo wakhe uyazibhalela.
"Umculo wam ukhuthazwa zizinto ezininzi ezenzekayo imihla ngemihla nesizibonayo, ezinye zisenzeka kakhulu ebomini bam," utshilo uJolakazi.
Uthi nakuba le ndlela wayiqala noThandaza Maclean, ze ngenxa yamagingxi-gingxi pha naphaya endleleni yabo baphuncukana, akakhange ayekeleke mxakatho ngenxa yokufuna ukufeza iphupha lakhe.
Kule-EP, uJolakazi usebenze noDJ Teddy kunye noLuyanda Zitulele. Ukanti iyafumaneka kuzo zonke iivenkile zomculo apho umculo ufumaneka khona, njengakuSpotify, iTunes, YouTube nakwezinye.
UJolakazi uyafumaneka kumakhasi onxibelelwano, kuFacebook nguJolakazi sa, kuTikTok ungu-@Jolakazi_ sa.
Ukanti kwabo banqwenela ukuba le mvumi ibeyinxalenye yemicimbi yabo, bangayithumelela i-imeyile: majolamphakomo11@gmail.com