Ezoyolo

UBenjamin Dube utyhila isahluko esitsha

Cwayita Nondula|Published

UMfundisi uBenjamin Dube ubhengeze ukuba uyalishiya iqela lomculo iSpirit of Praise.

Image: Facebook

Abathandi bomculo wevangeli basathumela imiyalezo yabo yenkxaso emva kwesibhengezo esothusayo sikaMfundisi Benjamin Dube sokuba uyalishiya iqela elithandwayo iSpirit of Praise ngoMvulo.

Kwingxelo ekhutshwe egameni likaDube, uHloni Mohlala uthe esi sigqibo asenziwanga lula nanjengoko iSpirit of Praise ibiyinxalenye ebalulekileyo kuhambo lukaDube kule minyaka idlulileyo.

"Ngeli qonga, inkitha yabantu iye yachukunyiswa, inkolo iye yaphakanyiswa kwaye nesigidimi sikaKrestu sifikelele kubantu abaninzi basekhaya nakwihlabathi liphela," itshilo ingxelo.

UMohlala uthe uDube ukholelwa ukuba lifikile ixesha lokuba agxininise ngokupheleleyo kwisigaba esilandelayo sobizo lwakhe, esiquka ukwandisa inkonzo yakhe, ukubonisa indlela kwiimvumi ezisakhasayo zomculo wevangeli kwanokuqhuba iiprojekthi ezihambelana nomyalelo okhethekileyo uThixo awubekileyo ebomini bakhe.

"Unombulelo ongazenzisiyo kwiSpirit Music Group, iqela iSpirit of Praise kunye nabanini beSpirit of Praise, uAubrey Peacock noMatthew Nkabinde, ngeminyaka yobudlelwane obuneziqhamo, intlonipho nenkonzo enefuthe," utshilo Mohlala.

UBenjamin Dube utyhila isahluko esitsha